Inyukile intswela-ngqesho eMzantsi Afrika

Inyukile intswela-ngqesho eMzantsi Afrika.

Ingxelo yekota yesibini yonyaka ka2024 ibonisa ukuba linyukile izinga lentswela-ngqesho kwilizwe loMzantsi Afrika. Le ngxelo yeStatistics South Africa ithi izinga lentswela-ngqesho kweli lonyuke ngomyinge ongaphaya kwamashumi amathathu anesithathu eepesenti ekhulwini (33,5%).

Oku kuqapheleka kuba kwikota yokuqala yalo nyaka izinga lentswela-ngqesho belingaphaya kwamashumi amathathu anesibini eepesenti ekhulwini (32,9%). Ukunyuka kwezinga lentswela-ngqesho kweli kubangelwa zizinto ezininzi eziquka ukungakhuli kwemeko yoqoqosho.

Ukukhula okuncinci kwimeko yezoqoqosho kweli kubangela ngokucacileyo ukungakwazi kwemeko yezimali yeli ukuba idale amathuba emisebenzi.

Iimeko zoqoqosho ezihexayo kwihlabathi sesinye sezizathu ezibangela ukungakhuli kwezoqoqosho kumazwe afana noMzantsi Afrika. Utshintsho lwakutshanje kwimeko yezopolitiko alunakushiywa ngaphandle kwizizathu ekucingelwa ukuba zingunobangela wokungabikho kwamathuba engqesho.

Abatyali zimali ngabo abathi bafake imali kumashishini ukuze wona aqeshe abantu abadinga umsebenzi kuzwelonke. Ukusungulwa koRhulumente wendibanisela kubonwa njengesinye sezizathu ezinokuba zibangele oku, ngokwengxelo yabahlalutyi abazimeleyo.

Abantu abatsha abaqalayo ukusebenza bangamaxhoba ale meko yokuswela umsebenzi, kwaye balahlekelwa lithemba imihla ngemihla kwimeko yezoqoqosho kweli. Ulwaphulo-mthetho oluqatseleyo eMzantsi Afrika ingangomnye woonobangela bokungakhuli kwemeko yezoqoqosho eMzantsi Afrika.

Ngenxa yolwaphulo-mthetho abatyali zimali bayalishiya eli besiya kuzama kwamanye amazwe ukukhulisa amashishini abo.

Abezoshishino eMzantsi Afrika bazibona bekwimeko yokuba banyanzelwe zizaphuli-mthetho ukuba bakhusele amashishini abo. Kutshanje eMthatha kweli leMpuma Koloni kuvalwe iigaraji ezimbini ngenxa yokuba abanikazi bazo benyanzelwa ukuba bahlawule izaphuli-mthetho imali ethile.

Kwelinye icala, ukunqaba kwemisebenzi kubangela ukuba ulutsha lubalekele kulwaphulo-mthetho ngelizama iindlela zokuphila okukhawulezileyo. Imeko yezoqoqosho kweli ikwazi ukuvula amathuba engqesho exesha elincinci kakhulu okanye angabikho kwaphela.

Ingcali yezimali uAzar Jammine uthi ukunyuka kwezinga lentswela-ngqesho bekulindelekile. “Uqoqosho lweli liphantsi koxinxenzelelo ngeendlela ezininzi, ngoko ke bekumele ukuba kwenzeke oku,” kucacisa uJammine.