Inyuvadem netyopdyoshin yobutyobo boMzantsi Afrika

UNombeko Ncovana lipolisakazi elitsha kwisikhululo saseMthatha. Emva kweevekana nje esemsebenzini uthunywa kwilali yakuThandabantu ukuba ayokuphanda ukurhaxwa kwamakhwenkwe amathathu kumlambo iMbashe.

Endaweni yokuncama, amkele ukuba la makhwenkwe amke nomlambo nyani, uNcovana wenza amatiletile okukhangela la makhwenkwe kulo mlambo.

Into abuya nayo phantsi komlambo imothusa kwaye itshintshe nobomi bakhe unaphakade.

Emva kokubhala ingxelo ngesi siganeko saseThandabantu, uzibhaqa sele ebizwa maphuthuphuthu yingqwayingqwayi yamapolisa ePitoli.

Endaweni yokufikela ePitoli, uzibona sele esisiwa eBloemfontein nalapho adityaniswa noomakhwekhwetha besipolisa. Ingaba umafikizolo waseMthatha ufuna ntoni kule ndibano?

Eli libali lokukhula kwepolisakazi. Libali lokuzinikela kumsebenzi walo. Libali lobungozi bomsebenzi wamapolisa. Libali lobuqhophololo. Libali lokumka koMzantsi Afrika.

Libali leyelenqe elonyusa amaxabiso okuphila eMzantsi Afrika. Nangona lithatha iziqendu ezimbini phambi kokuba lifudumale eli bali, awuphinde uyibeke phantsi de uyigqibe le ncwadi.

Ingathi ngumboniso bhanyabhanya ozama ukuvumbulula ukubanjwa ngobhongwana koMzantsi Afrika.

Umbhali ungena nzulu kwicala lobuqhophololo obuntsokothileyo kweli laseMzantsi Afrika; ukubanjwa ngobhongwana kombuso yimigulukudu engabambekiyo kweli.

Eyona nto itsala umdla ngale ncwadi kukuba umbhali uyabonakala ukuba uthetha ngezinto azaziyo neendawo azaziyo. Uba nomfanekiso ngqondweni wazo zonke ezi ziganeko adibana nazo uNcovana kule ncwadi.

Siliphepha side sazibuza ukuba “inoba bethu akazami ukubalisa ibali eliyinyani lo mbhali? Qha watshintsha amagama abantu? Akabeki bomi bakhe emngciphekweni ngokungena nzulu kangaka kwizwe lorhwaphilizomali kweli?”

Le ncwadi isincede ukuba sikhe sibuyele kwibali lokurhaxwa kwamakhwenkwe amabini kwidama laseLoverstwist eNgqushwa kweyeDwarha.

Sithe sakujonga umfanekiso wedama elo sabona ukuba alikho nzulu konke konke, ngoko ke amakhwenkwe la arhaxwe xa bekutheni? Sisakubuza kwilali sifumanise ukuba kukho unokontraka wendlela otyholwa ngokugrumba phaya.

Lilonke ezi zinto abhala ngazo uNkasawe kule ncwadi yakhe zinabo ubunyani. Zizinto amaphephandaba azoyika mpela ke ezi ngoba ziyingozi. Kwaye ukuba uyifunda uyigqibe le ncwadi uye ubone ukuba umbolo worhwaphilizo uphaya phezulu kweli.

Sisentweni ngoba iinkokheli nabaphathi, phaya phezulu, banyoluke abasakwazi nokuzibamba. Nabo sebefuna ukubuya umva, abanokukwazi, sikwi-”nyuvadem netyopdyoshin yobutyobo” ngabula amazwi kaNjengele uLucille Bester kule ncwadi.

Umbhali wale ncwadi uyakube eseqongeni noNomfanelo Kota, esungula ngokusesikweni; eSteve Biko Centre, eGinsberg, ngenjikalanga yangoLwesine (8 eyeNkanga) ngentsimbi yesithandathu (18h00).

*Gqabaqgaba ngombhali: uMonde Nkasawe, wazalelwa kuCofimvaba wafunda kwizikolo zasezilalini phambi kokuba ashiye izifundo zakhe phakathi eFalo High School wayokuhlala noomakazi bakhe eRhawutini. Sel’ evel’ okuba ngunogada nomakhi. Wabuyela eFalo High koka-1991 wagqibezela imatriki yakhe waze wayokufundela iBA kwiyunivesithi yaseKapa (UCT) neeMasters kwezembali kwiyunivesithi yaseNtshona Koloni. Namhlanje yingqonyela kwicandelo lokucwangcisa nophandozifundo kwiofisi yeNkulumbuso eMpuma Koloni. Le yincwadi yakhe yesibhozo.