Inzalelwane yaseBhayi yiKumkani eZimbabwe

IKumkani yesizwe sikaMzilikazi uBulelani Colin Lobengula Khumalo kwakunye noNkosana Hlabezulu Khumalo ngethuba betyelele eNqadu UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

EMVA kokulahlekelwa bubukumkani iminyaka engaphaya kwekhulu, isizwe sikaMzilikazi eZimbabwe simfumene eBhayi oyena mntu esithi uselungelweni lokuthabatha iintambo kuKumkani Lobengula Khumalo kaMzilikazi owabhubha ngo1894.

Isizwe sikaMzilikazi eZimbabwe, ngokokutsho kukaNkosana Hlabezulu Khumalo weNdlu yobukhosi bukaMzilikazi, saphulukana nobukumkani baso ngonyaka wokubhubha kukaLobengula.

Isizathu sokuphulukana nobu bukumkani kungenxa yokongamela kwenkqubo yobukoloniyali eZimbabwe.

Ngokucacisa kukaNkosana Hlabezulu, inzala kaLobengula yabhacela eMzantsi Afrika, bambi ePhokeng eMntla Ntshona logama abanye beza eMpuma Koloni kwiidolophu ezifana neDikeni, Rhini naseBhayi.

Esi sizwe sikaMzilikazi eZimbabwe, ngokokutsho kukaNkosana Hlabezulu, siquka amaXhosa, amaZulu, amaSwati, amaNdebele, amaPedi, abeSotho, abeTswana, amaVenda, amaKhalanga, amaTonga, abeLozwi namaNambiya.

“Emva kokukhangela umnombo kaLobengula, isiko nophando luye lwasikhomba eMpuma Koloni ze emva kokuba silwenzile uhlolo nengqiniseko, siye sakholwa kwelithi [uBulelani] yiKumkani yethu efanele ithathe endaweni kaKumkani Lobengula,” utshilo uNkosana Hlabezulu ngethuba yena negqiza eliphuma eZimbabwe, bebetyelele iKomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyana kwiveki ephelileyo.

Isizathu sotyelelo, ibikukuya kumema ngokusesikweni uKumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu, kumsitho wokombathiswa kweKumkani yesizwe sikaMzilikazi eZimbabwe, uBulelani Colin Lobengula Khumalo oyinzalelwane yaseBhayi kweli leMpuma Koloni.

UBulelani kulindeleke ukuba ombathiswe nguKumkani Sigcawu nenye iKumkani engabhengezwanga ngomhla wesithathu kwinyanga ezayo (eyoKwindla) kumsitho oza kubanjelwa kwaBulawayo eZimbabwe.

“Indlela esiphande ngayo ibiqamele kwinto yokuba besiyazi ukuba ikhona inzala kaMzilikazi eMzantsi Afrika,” kutsho uNkosana Hlabezulu, esithi uBulelani yiKumkani yabo “yenyaniso nesiko”.

UNkosana Hlabezulu uvumile ukuba kukhe kwakho ukungavisisani kwisizwe sikaMzilikazi malunga nokutyunjwa kukaBulelani njengekumkani. “Kodwa xa into isekelezelwe kwinyaniso nasesikweni, akekho onokuyinqanda.”

Ethetha ngokutyunjwa kwakhe uBulelani uthe: “Asiyonto intsha le kum, kuba ndikhule ndiyazi ukuba ndinalo igazi lobunkokeli bemveli. Kudala ndiyazi ukuba iingcambu zam ziseZimbabwe. Ewe ndiye ndothuka xa kutyunjwa mna, kodwa ndaphinda ndaqina kuba yonke le nto yenziwe ngokwesiko.”

UBulelani uthi ibimphatha kakubi into yokukhulela eMpuma Koloni, abe eyazi ukuba iingcambu zakhe ziseZimbabwe. “Uyazi into eyenziwa ngamaBhulu kuthi imbi kakhulu, kuba ayedunga-dunga oobawomkhulu bethu kuba befuna ukuba kungabikho nzolo naxolo,” utshilo uBulelani.

UKumkani Sigcawu uthi uza kuwuzimasa umsitho wokombathiswa kukaBulelani. Ngethuba etyelelwe leli gqiza laseZimbabwe eNqadu, uSigcawu uye waxhela igusha esithi: “Ndifuna nizive namkelekile kwaXhosa, futhi niyazi ukuba eli Komkhulu lakuhlala linixhasa kwiinzame zenu zokumisela ubukumkani bukaLobengula.”