Inzalelwane yaseFlagstaff icela inkxaso

Amanda Bongoza onephupha lokuya kwinkomfa kwilizwekazi laseBali

UNokwanda Bongoza oyinzalelwana yaseFlagstaff ucela ukuxhaswa ukuze akwazi ukufezekisa iphupha lakhe lokuya kwilizwe laseBali nanjengokuba engomnye wabafundi abathe bawelwa ngumqa esandleni ngokuba akhethwe ukuba ayokumela ilizwe loMzantsi Afrika kwinkomfa yezizwe ezobe ibanjwe eBali naseIndonesia ngenyanga yeKhala.

Lo mfundi owenza unyaka wakhe wokuqala kwaNokholeji uthi wathi asokuva ngale nkomfa wanomnqweno wokuba abe yinxalenye yayo ngenye imini nanjengokuba efuna ukuba ngumntu okhuthaza abantu ngokuthetha esidlangalaleni. Uthi le nkomfa iza kumenza ukuba akwazi ukonyusa isakhono sakhe sokuthetha esidlangalaleni.

“Mna ndingumntu oye afune uyitshintsha imeko yabanye abantu xa imbi. Lo nto iye ifune izakhono zokuzibandakanya ekuhlaleni.”

Kwinkomfa leya sizokufundiswa ukuphucula ubambiswano kwezentlalo, siphinde sixhotyiswe ngeendlela zokuhlasela imiba yobundlobongela xa sithetha sikhuthaza uluntu,” utsho uBongoza.

Uthi into ebalulekileyo ngokuya kwakhe kwinkomfa le kukuba uzotsho akwazi ukumamela ukuba amanye amazwe enza kanjani wona.

“Xa ufuna ukwenza umohluko kufuneka ubukele abanye ukuba benze njani bona. Utsho uze nezisombululo ezinokutshintsha ubundlobongela obuphathelele kwisini, ukunciphisa intlupheko ngokuthatha inxaxheba kwabasetyhini. Ezo zizinto endiyokuzifunda phaya,” wongezile uBongoza.

Uthi kodwa ngenxa yeendleko ezifunekayo oko kungangenzeki ngoba kufuneka abe sele ebhatele imali efunekayo ekupheleni kwenyanga kaMatshi.

“ Umngeni ngoku yinkxasomali efunekayo ngaphambi komhla wama31 kuMatshi, ukulungiselela ulungiselelo lokuhamba kunye nendawo yokuhlala eBali kunye nokubuya.

“ Ndiyacela ngokuzithoba kuluntu lonke lweli, ndicela ninike uncedo olunokuthi luze ngeendlela ezahlukeneyo kubandakanya imali,” utshilo uBongoza ebongoza kuluntu lweli.

Onokwazi ukunceda angaqhakamshelana noNokwanda kule nombolo yomnxeba 0843583422 okanye abonise inkxaso yakhe.

Iinkcukacha zebhanki nazi Capitec: 1685326011 iNedbank: 1171992823