Inzima le yokufunda osogqiba unqatyelwe ngumsebenzi

Izinto zitshintshile kwaye zisezakutshintsha. Mna ndikhula xa sikhuthazwa ngabazali bethu ukuba siye esikolweni bemana besithi, imfundo sisitshixo sekamva eliqaqambileyo.

Ukuba uyaqwalasela ngoku isuke yangathi akunjalo kwaphela. Ngesantya elikhula ngayo inani lezifundiswa ezingena ngeniso liyaxhalabisa noko. Qonda, akhange ndithi inani lezifundiswa ezingaphangeliyo okanye ezingaqeshwanga ndithe, inani elingena ngeniso.

Kaloku mkhulu umahluko phakathi kokuqeshwa nokuba nengeniso. Xa sithetha ngengeniso sithetha ngokungena kwemali nokuba uyaphangela okanye awuphangeli.

Masikhe siqale siqwalasele lomcimbi wokungaphangeli kwezifundiswa zethu, uninzi lwazo olungabantu abaselula ngokweminyaka.

Ngokwembali yoMzantsi Afrika ngalo mzuzu, sinelona nani likhulu labantwana abafumana amathuba okuba baqhube izifundo zabo ngapha kwebanga leshumi, le nto kuthiwa ngoku nguGrade 12.

Ubonanje ukuba isimbonono sokwenziwa simahla kwemfundo enomsila siye sisenyuka, kungenxa kokukhula kwenani lolutsha lwethu olunqwenela ukuba nemfundo enomsila.

Ukungalingani kwezikali kungenxa yale nto: ngokuba baninzi abafunda bade bayityekeze imfundo, kodwa zimbalwa iindawo okanye amashishini akhoyo esizweni khona ukuze kuhlangatyezwane neli nani elikhula minyaka le labantu abafuna ingqesho.

Le ngxaki sijongene nayo singayisombulula njani na sisisizwe?

Masikhe sibuye umva kancinci sikhe sijonge pha esikolweni kubafundi bakaGrade 10 xa bekhetha izifundo abazakuzenza khona ukuze baphumelele kumabanga aphezulu.

Ingaba ootitshala nabazali babacebisa ntoni abantwana xa bezakuthatha ezi zigqibo ziza kuchaphazela ikamva labo?

Ingathi mna ngesiqala pha ukubacebisa abantwana ukuba bakhethe izifundo (subjects) ezizakuqinisekisa ukuba xa sele begqibile ukufunda amathuba engqesho azakuba ekhona.

Umzekelo, sisisizwe sikhala ngenani elinciphayo labantu becandelo lezezibalo kunye nezenzululwazi (Maths and Science). Kutheni ke singagxininisi kwezo zifundo sizizikolo nootitshala khona iintsana zethu zibenesonka ngomso?

Kwalani na ukuba ngoku phambi kokuba umntu akhethe izifundo aza kuzenza, akhethe ngokokumila kwelizwe lengqesho?

Masijonge apho kukho isidingo khona elizweni kuze emva koko sifunde kanye le nto siyaziyo ukuba kukho isidingo sayo.

Umzekelo, sekhe wena wava ngooGqirha noonesi abangaqeshwayo? Hayi, ngokuba kukho isidingo esikhulu sezo zifundiswa kumaziko ezempilo.

Noninzi lwabo benze izifundo zobunjineli abawudingi de uphele umsebenzi ngokuba lasoloko likhona ikroba elifuna bona. Ithi lo nto ke xa umntu ekhetha amakakufunde makakhethe into aqinisekileyo ukuba sininzi isithuba nesidingo sayo esizweni.

Masisuke kancinci kule yengqesho sikhe sijonge apha kooVuk’uzenzele. Xa noko ndihleli iminyaka eliqela ndifunda ndiqeqeshelwa into ethile, ndide ndifumane imfundo enomsila kuyo lo nto, ithetha ukuba ndinawo amandla nengqondo yokuyenza le nto.

Kutheni ke ngoku xa ndiphumile esikolweni ndingaqali elam ishishini ndenze le nto ndiyifundeleyo? Kutheni le nto iingqondo zethu zasoloko zifuna uyokufolela ukufaka iiCV kwezi ndawo?

Mna ndithi mntase yifake iCV leyo kodwa ngelinye imehlo ube ujonge amathuba okuziqalela elakho ishishini kule nto uyifundeleyo. Ewe, ndiyazi kumnandi ukuthetha kunokwenza, kodwa ke xa uzimisele entweni, sekumnyama entla uyagushuza kugushuzeke.

Mhlawumbi wena nendlela le esiqeqeshwa ngayo kula maziko emfundo inaso isikhwasilima.

Bekumele nendlela esifundiswa ngayo kunye nezinto esizifundiswayo ibe zizinto ezingqameneyo nemeko esijamelene nayo elizweni, khona ukuze sithi siphuma esikolweni sibe sikulungele ukusebenza sibe nengeniso.

Abazali bethu bancama konke khona ukuze basifundise, ibuhlungu ke eyokuthi sele ugqibile ukufunda ibe kanti ikati isezakulala eziko iminyaka ilandelelane.

Masibhinqele phezulu, siyeke ukutyhola urhulumente. Masicinge ngokuphangaleleyo.