Iqanda kwakunye neCheese ayizozinto ekufanele ukuba zityiwa ngumntwana oyintombazana, ngokutsho kukaSinalo Dada.
UDada (23), welali iTolofiyeni kwikomkhulu laseMngqesha eQonce, ukunyaka wesithathu kwizifundo zobugqwetha kwiYunivesithi yaseFort Hare, kwaye akakaze walala nandoda
Ngenxa yokuziphatha kakuhle. UDada ungenele ukhuphiswano lwe-Indoni nalapho kulindeleke ukuba ayokumela iphondo leMpuma Koloni KwaZulu Natal kumagqibela kankqoyi olukhuphiswano njengenkosazana yamaXhosa ngomhla weshumi kwinyanga yeDwarha.
“Ukuziphatha kakuhle ayikokuba kukungadibani nendoda ngokwezesondo kuphela, ikwa luhlobo oziphatha ngalo phakathi kwabantu, uhlobo lokutya omawukutye, uhlobo omawuthethe ngalo, omawuhlale ngalo kwanohlobo nje omawucinge ngalo apho kufuneka uhlale ucinga ngezinto ezintle nohlobo onokuthi ukhawulelane ngalo nemingeni,” utshilo uDada.
Indoni lukhuphiswano oluquka oonobuhle ngokwendalo abanolwazi ngemeko yokuziphatha ngendlela kusetyenziswa amacebo neendlela zasemandulo. Kwi-Indoni kukwafundiswa abantu abasebatsha ngokubaluleka kwamasiko nezithethe zakwaNtu.
“Sifundiswa indlela yokuba sicingele ingomso, singacingeli namhlanje kuphela futhi singacingi zinto ezigwengxa, singakutyi ukutya okusikhokhelela ekubeni sibenemizwa yendoda libe lona ithuba lingekafiki. Ndifunde lukhulu kuba ndiyayithanda inkcubeko anamasiko kwanezithethe zakwaXhosa.
“Ndiyazidla ngobuntombi bam ndiyalazi ixesha lizakufika lokuba nam ndizenze izinto ezenziwayo ngoogxa bam kodwa alikafiki kwaye andibethelwa naluvalo zizinto zomhlaba ezifika zidlule,” utshilo uDada. Uthi xa ungumntu omtsha zithande ungalindeli kuthandwa ngaphandle. “Ezindibano ziyasinceda kuba ziyasixhobisa sizazi ukuba singobani kwaye siyaphi sisukaphi sikwazi nokuhlonipha amasiko ethu,” utshilo uDada.
Uthi imicelimngeni uyadibana nayo njengomntu omtsha njengoko ixesha ilelobunzima kulutsha ingakubi kwintanga zakhe ezijongene neziyobisi kwanotywala kodwa kuba ezazi yena ukuba ufuna ntoni ebomini. Umnqweno wakhe kukuba abasakhulayo abantwana babengumzekelo kubo ingakumbi abo bangamantombazana.
“Izinto esizicetyiswa ngabantu abakhulu zizona kufanele siyazibethelela kwintloko kuba banolwazi olunakuthi lusincede.”
UNosikhumbuzo Khabane-Jali owakha ikamva likaDada nokwamxhobisa ngezinto ekufanele azenze kweziveki zimbalwa zishiyekileyo kufike Indoni, ngoku umfundisa ingqayi nazakube ephethe yona xa eqhayisa ngobuXhosa bakhe phambi kwalonginginya yezizwe.
“Ukunceda uDada ndikuvuyele kakhulu. Xa ubumba le ngqayi kuyafana nokuba ubumba ubomi bomntu,” utshilo uKhabane-Jali, okwangumzobi.
Xa ufuna aphumelele uDada umvotela uthi: INDONI XHOSA uthumele ku: 48496. kolu khuphiswano, uDada uzakube ekhatshwa nguBulelani Ntoni waseZiphunzana eMonti.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?