Inzwakazi yaseLusikisiki ingenele uMiss Wild Coast

USiziphiwe Mbede ungenele uMiss Wild Coast

Inzwakazi yaseLusikisiki uSiziphiwe Mbede (22) nozalelwa kwilali yaseMzintlava ekwangumfundi wePsychology kwiYunivesithi iWalter Sisulu eMthatha, ungenele oonobuhle.

UMiss Wild Coast lukhuphiswano loonobuhle ojonge kwiindawo ezininzi eziselunxwemeni nekunjongo zalo ikukuphuhlisa ezotyelelo eMpuma Koloni. “Ibiliphupha lam ukungenela oonobuhle, kodwa ngenxa yokuba abantu bebendityhafisa ngelithi ndimfutshane kwaye ke bendingenalo ulwazi ngezoonobuhle, ndayeka ke. Kodwa kunyaka ophelileyo ndathatha isigqibo sokuba ndibuyisele ukuzithemba, ndifezekise iphupha lam loonobuhle, ndaqala phantsi ukungenela. Kwaye ukungenela oonobuhle kuMiss Wild Coast kuthetha ukuphakamisa igama lamanina,” kutsho uMbede.

“Unikeza ithemba kumantombazana asezilalini kwanokuqhayisa ngobuhle bephondo lethu kubantu bamanye amaphondo. Kubalulekile ukuzazi njengebhinqa ukuba ungubani, uphuma phi, uzazi ukuba ufuna ntoni kwaye ungavumi abantu bakuphelelise ithemba bakwenze ungazithembi.

Abasetyhini lifikile ixesha lokuba babambisane babheke phambili bayeke ukulwisana nokuxambulisana ngezinto ezingunobenani, kwaye sizityeshele izinto ezingakhiyo,” utshilo.

UMbede uthi wancedisa ukuqokelela iimpahla ngexesha lesichotho saseSajonisi kwaye ngoku ukwiphulo lokuqokelela iincwadi zokufunda kubantu abanazo abangazisebenzisiyo ngeenjongo zokubuyisa iilwimi zesiNtu nokukhuthaza ukufunda. Ungamvotela ngokuthi uthumele umyalezo othi MWC31 ku 45874 kangangoko ufuna.