Inzwakazi yaseMt Frere ifuna itayitile kaMiss Commonwealth SA 2016

OLANGAZELELA ukuba nguMiss Commonwealth 2016 uPhumeza Qwabe uthi ukuzimisela, ukusebenza nzima nokuzithemba – kuko okuzakukhokelela ukuba aphumelele kukhuphiswano lwalo nyaka lokukhangela uMiss Commonwealth. UQwabe, ungomnye kuluhlu lweenzwakazi ezingamashumi amathathu, nezixhwithana ngendawo yokuqala kolu khuphiswano.

Olu khuphiswano loonobuhle luxhobisa amanina ngolwazi olunokuthi luzise utshintsho kwiindawo aphuma kuzo. Apho lugxile khona olu khuphiswano luphuhliso lwamagqiyazana aselula kweli lizwe loMzantsi Afrika. UQwabe, noyinzwakazi yakwilali yaseMasomntwana kwidolophana yaseMt Frere, ucebise abantu abatsha ngelithi mabawatsibele amathuba anje. “Eyona nto kukuzimisela, apha ebomini kufuneka uzifundise ukusuka kwindawo entofo-ntofo okuyo uzame namanye amathuba.”

Uphinde wacebisa amagqiyazana aselula ukuba mawahambele kude kwiimveliso zokukhanyisa ulusu (skin bleaching). “Masizifundise ukuzingca njengabantu esingabo. Mna ndingumMpondo kwaye ndiyazidla ngemvelaphi kwanebala lolusu lwam, ndiyazazi neengcambu zam,” utshilo. UQwabe waphuma kwindawo ye-2nd Princess kuMiss Cwerhaland waseMt Frere ngo2014, kwakhona waphinda wayi-1st Princess kunyaka ka2015, kwaye uthi unomnqweno wokonyukela ngasentla. “Ndingathanda ngenye imini ndibe nguMiss SA okanye uMiss World.”

Lo mfundi wonyaka wesithathu kwizifundo zeSports Management kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu (WSU), uthi unomnqweno wokuba ngumsasazi wezemidlalo ngenye imini. UQwabe ukwalivolontiya lomqeqeshi weqela lebhola ekhatywayo yamakhwenkwana aminyaka engaphantsi kweshumi elinesithathu. UMiss Commonwealth SA 2016 uza kubanjwa ngomhla we-12 kweyeNkanga 2016 kwiphondo laseRhawutini. Xa ufuna ukuncokola noPhumeza, ungamkroba kwikhasi likaFacebook elithi: Phumeza Qwabe Miss Commonwealth South Africa Finalist 2016.