Inzwakazi yaseSajonisi inecwecwe elitsha

Imvumi yomculo wokholo yaseQandu eSajoni, uNoandile Kula, ukhuphe icwecwe lakhe lokuqala ngqa elithi ‘Amazulu’ oko waqala ukucula kwiminyaka engapha kweshumi elinesihlanu. Icwecwe likaKula liqulathe iingoma ezilishumi ngaphakathi, enye yazo ithi “Ilizwi lakho Jesu”.

Italente yakhe yokucula waqala ukuyisebenzisa ngethuba ekwiqela lomculo wokholo lasekuhlaleni elalibizwa ngokuba yiSinethemba ngonyaka ka1991. Uthi ibende indlela ayihambileyo ukuze ade abe ukhupha kulo nyaka icwecwe lakhe. Icwecwe lakhe lisafumaneka kwidolophu yaseMthatha kuphela okwangoku kulowo unomdla wokumamela umculo wakhe. Uthi amalungiselelo okuba lifikelele nakwezinye iidolophu basawenza.

USamkelo Ngqamza ongumanejala kaKula, uthi bamanxada-nxada ngoku belungiselela ukucishilela iDVD eMthatha, nekulindeleke ukuba iphume kwinyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka.