IPAC ibisamdinga kakhulu uMam’ uSobukhwe

UZondeni Sobukwe nonyana wakhe uDini Sobukwe kunye nabasebenzi basesibhedle ngethuba ephuma esibhedlele eMidlands Hospital eRhafu kulo nyaka uphelileyo UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Avela
macala onke amazwi ovelwano emva kokuvakala kwendaba zokubhubha kukaZondeni Veronica Sobukhwe. Emva kwengulo ende
uSobukhwe ubhubhe ngentseni yanamhlanje ekhayenii
lakhe eRhafu. Le nkosikazi yadibana noRobert Mangaliso Sobukhwe ngeminyaka
yoo1950 ngethuba befunda eDikeni, yena efundela ukuba ngumongikazi eLovedale College. 

Ethetha
ngothando lakhe noSobukhwe, uMam’ uZondeni wathi kuthi yamsinda le ndoda yasemaMfeneni. “Sathandana
nje siqala ukubonana, ubunganga bakhe kwezopolitiko, ubuchule bokuthetha zezinye
zezinto eziphambili ezandoyisayo kuye,” watsho uZondeni Sobukhwe. 

Umama
uSobukhwe uzalelwe kwiphondo lakwaZulu Natal kusapho lakwaMathe, emtshatweni wakhe
ulizwe ngabantwana abane abaquka uMiliswa, Dinilesizwe, Dedanizizwe
noDalindyebo.

“Ndimkhumbula yonke imihla uMangi,” watsho kudliwandlebe lakhe
lokugqibela neli phephandaba uMam’ uZondeni. 

Le
nkosikazi yasemaMfeneni ibhubha xa kanye umbutho wePAC uvela kuqhuba inkomfa
yokuzama ukumanyanisa umbutho wePAC. Igqala lePAC elichithe iminyaka elishumi
elinesibhozo esiqithini eRobben
Island,
uMpolose
Mangqangwana uthi yilahleko emandla ukushiywa ngulo mama. 

“Besingekhe siphikise
intando kaThixo, kodwa besisamdinga kakhulu yena, kuba sikwixesha elinzima
kakhulu kwinguqu zopolitiko kwihlabathi,” uthethe watsho uMangqangwana. Amagqala
kaPoqo aquka lo kaMangqangwana agaleleke kwikhaya lakwaSobukhwe eRhafu ngale ntsasa. 

“Omnye weminqweno yam phambi kokuba ndibhubhe kukuba
ipapashwe le ncwadi ibhalwe nguTami Plaatjie ipapashwe ndisaphila, ibali lakhe
lichanekile ngoMangi,” watsho uMam’ uZondeni. 

UNjingalwazi Mangaliso Sobukhwe
ubhubhe ngonyaka ka1978 eshiya le nkosikazi ngasemva noxanduva lokuba ikhulise
abantwana. “Umama wenze umsebenzi omkhulu kakhulu, wokusikhulisa eyedwa
ngaphandle kukatata, kodwa baninzi abantu abamncedisileyo ukwenza lo msebenzi,” utshilo uMilisa Sobukhwe.

Umam’ uZondeni uphakathi koosaziwayo ababesandula kufumana iimbasa kumongameli weli
uCyril Ramaphosa. Umhla wokungcwatywa kwakhe awukachazwa nanjengoko ebhubhe
ekuseni namhlanje.