Amalungu
epalamente kulindeleke ukuba athathe isigqibo ngoyena mgqatswa uzakungena
ezihlangwini zika Thuli Madontsela njengomkhuseli woluntu. Oku kusemva kokuba
ikomiti ibithunywe ukuba ikhangele umgqatswa ofanelwe sesi sikhundla igqibela
ukwenza uvavanyo layo kubagqatswa abahlanu bokugqibela. Le komiti ibikhokelwe
ngugqirha Makhosi Khoza ekunye neenkokeli eziphuma kwimibutho eyahlukileyo
yezopolitiko. Emva kokufakwa kwezicelo ngabantu abahlukileyo kweli, le komiti
yahluza yaphuma namagama alishumi elinesine, yaza yaluphungula olo luhlu
layakuma kumagama amahlanu kuphela. Ethetha namajelo eendaba uKhoza wathi
bakhangela oyena mntu ufanelekileyo ukwenza lo msebenzi. “Ngaphandle
kwamathandabuzo asifuni ukwenza mpazamo sifuna oyena mgqatswa ufanelekileyo ezihlangwini zomkhuseli woluntu,” watsho uKhoza.
Amalungu epalamente akule komiti abeke phambili igama likaBusisiwe Mkhwebane.
UThuli
Madontsela uzakuphuma kula ofisi ekupheleni kwenyanga kaOktobha walonyaka,
umgqatswa omtsha uzakungena kwangoko emva kokuba eshiyile. Umthetho olawula
ukusebenza kwe ofisi yomkhuseli woluntu (Public Protector Act) unyanzela ukuba
umkhuseli woluntu angene isihlandlo esinye kuphela seminyaka esixhenxe kula
ofisi. Uninzi labantu beli luvakalise umnqweno wokuba aqhubeke nalomsebenzi
uMadontsela, kodwa umthetho awukuvumi oko.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?