IPalamente yephondo ivaliwe ngenxa yeKhorona

INdlu yoWiso-Mthetho eBhisho ivaliwe ngenxa yeKhorona UMFANEKISO: Sithandiwe Velaphi
INDLU yoWiso-Mthetho eBhisho ibhengeze ukuba izivalile izakhiwo zayo emva kokuba omnye wabasebenzi bayo efunyaniswe enentsholongwane yeKhorona.

Lo msebenzi kuvakala ukuba ebegqiba kutyelela iNdlu yoWiso-Mthetho ezokwenza umsebenzi ongxamisekileyo owayamene nokuthengwa kwezixhobo zokukhusela intsholongwane yeKhorona.

“Ukhe wasondelelana namanye amagosa (ngenxa yomsebenzi wakhe),” itshilo iNdlu yoWiso-Mthetho.

Ingxelo ithi lo msebenzi ebengeniswe esibhedlele kodwa sele ekhutshiwe ngoku ukuze ayokululama ekhayeni lakhe.

“INdlu yoWiso-Mthetho ixakekile ngoku izama ukuncedisa abezempilo ngeenkcukacha zabo bathe basondelelana neli gosa.

“Ngelokuqinisekisa ukhuseleko, akukho lungu okanye umsebenzi weNdlu yoWiso-Mthetho oza kuvunyelwa ukuba athi cakatha kwizakhiwo zeli ziko de kwenziwe umsebenzi wokucoca,” itshilo le Ndlu kwimbalelwano nabeendaba.

Kusenjalo, iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane naye uhleli kwakhe emva kokuba omnye wabasebenzi bakhe efunyaniswe enale ntsholongwane.

UMabuyane uza kwenza uvavanyo lwesibini lwale ntsholongwane ehleli kwakhe. Uvavanyo lwakhe lokuqala lwalubuye lusithi akanayo le ntsholongwane.