Iphanda amajelo osasazo i-Icasa

Iqumrhu elijongene namagunya onxibelelwano kweli iIndependent Communications Authority (Icasa) ithi izakuqhuba uphando malunga nendlela engeyiyo izitishi zosasazo ezibini ezithe zaqhuba ngayo ngexesha bekuqhutywa unyulo.

Ingxelo yakwa Icasa ithi iziko losasazo iKasi FM kunye neRadio Sonder Genser ophule umthetho obizwa ngokuba yiMunicipal Elections Broadcast and Political Broadcast Regulations.

Kwingxelo ebhalelwe amajelo endaba ngabakwa Icasa ithi lamaziko omabini adlale intengiso yomnye umbutho emva kwentengiso yomnye umbutho kwaye oko akwamkelekanga ngokwemithetho elawula ezosasaza kwezonyulo.

Esinye sezityholo ngakwiziko losasazo iRadio Sonder Genser kukudlala intengiso yombutho wezopolitiko kwisithuba seyure ezingamashumi amane anesibhozo phambi kokuqala konyulo.

Imibutho yezopolitiko ephambili kweli ixakekile izama ukufikelela kwizigqibo zokuba izakutshata nawuphi umbutho ukuze ilawule.