Iphi iKliniki eMagodla?

Sicela uncedo. Sinengxaki ebuhlungu. Kula lali yakwaMagodla asinayo ikliniki kudala kusithiwa iza kwakhiwa. Kwezinye iilali iikliniki zikhona, le yethu kunzima.

Oomakhulu bethu abakwazi kufumana iipilisi zabo zezigulo ngokuba sikude neekliniki, funeka ukhwele nokuba awunamali, sihambe sithukwa kwezi kliniki ngokuba kukude eNgqamakwe.

Sibethwa nayimali yokukhwela, xa usiya eNgqamakhwe funeka ubene mali engange 70 randi. Iphi ke lo mali? Ndicela bethuna khe nisibonelele.

Andiswa Nukwa eNgqamakwe.