Iphi imithombo yemali yolonyulo?

Xa thina bavoti besisazi ukuba abazigqatsela ulwenyulo bayifumana phi imali yokugaya inkxaso, besingathatha izigqibo ezinesihlahla malunga nemasibavotele kulonyulo oluzayo loomasipala.

Ingxaki esijongene nayo kukuba iinkokheli zopolitiko ziyasifihlela iinkcukacha malunga nemithombo yemali-nkxaso kunye nobungakanani besixa-mali ezifunjathiswe sona. Nangona kunjalo, ingaba ukwala kwabo nenkcazelo kuthetha ukuba masiwubethe ngoyaba lo mba? Akunjalo.

Loo nkcazelo singa singaqina ukunyanzelisa ukuba siyifumane ngokucacisa mhlophe okokuba ivoti yethu sizimisele ukuyinika iinkokheli esizithembayo nezisithembileyo ngokusinika iingcombolo ezikumila kunje.

Nabani na olandela iindaba ngamalungiselelo olwenyulo oluzayo uyakuqaphela okokuba, njengababheji bamahashi omdyarho ebaleni lomdyarho, oongxowankulu ababinza ngeemali ezinamagama kwimijikelezo yokugaya inkxaso yabavoti babhinqela phezulu njengoko iinkokheli zopolitiko zithe bhazalala zisendlala imiqulu yezithembiso eluntwini.

Abaneenqwelo-moya sebeqalile ukubolekisa ngazo ukuze iinkokheli zopolitiko zifikelele kwiindawo ngeendawo ezikumaphondo ngamaphondo ngexeshana elifutshane.

Kaloku elizweni lethu elilawulwa ngenkqubo yentando yesininzi, undoqo welungelo lokuvota ukwalele kwilungelo lokufumana ulwazi neenkcukacha ngezinto ezibalulekileyo.

Oku kuhambelana nento yokokuba, ukuze sikwazi singabavoti ukuthatha izigqibo ezizizo malunga nohlobo esivota ngalo nokuze sikwazi ukuzibandakanya ngokupheleleyo elulawulweni lwethu, kufuneka sixelelwe ngemithombo yemali-nkxaso yeqela lezopolitiko ngalinye.

Loo nto ithetha ukuba ilungelo lokuvota aliphelelanga ekubekeni unongxatha ephepheni nje kuphela ngomhla wolwenyulo yaye aligeqezi lodwa nje, koko liphahlwe ngamanye amalungelo aquka elokufumana ulwazi.

Ewe, ilungelo lokuvota lityebile, liquka ukuvota sivotela abagqatswa kunye neenkqubo zezithembiso zabo sisazi ukuba bazakuyiphucula kanjani impilo yethu. Ingaba oku kudibana njani nokwazi iinkcukacha ngemithombo yemali-nkxaso? Kaloku sakukhumbula ukuba imali-nkxaso kumaqela ezopolitiko akuphiswa ngayo.

Amaxesha amaninzi ngumnikelo owenziwa emva kokuthelekiswa kwenzuzo engafunyanwa ngabayenzayo ngaphaya komhla wolwenyulo. Imali-nkxaso inikwa kulindelwe ukuba ilandele iinkqubo ezithile ezingafana nokwakhelwa kwabantu izindlu zangasese okanye ukufakelwa kobuxhakaxhaka kwimibhobho yamanzi ngeenjongo zokokuba urhulumente asithengisele amanzi sisonke, kuquka abo bahlala ezilalini.

Kusengenzeka ke abaxhasi ngezezimali kubagqatswa bathenga emithiyo ngenethole ngeenjongo zokuba babenabakuzuzayo. Kaloku iinkokheli zopolitiko ziyayifuna imali-nkxaso ukuze zikwazi ukufikelela kubavoti nokwenza eminye imisebenzi yezopolitiko.

Ngaphandle kwamathandabuzo, ukuba nolwazi oluphangaleleyo ngaphambi kokuba sivote ngeengcombolo zabaxhasi ngezimali nokwazi ngobungakanani besixa abaxhasa ngaso kwiqela ngalinye kungasixhobisa ngolwazi lokuqikelela ukuba abagqatswa bazakuziphatha kanjani ekuhambeni kwexesha ingakumbi malunga nokokuba baza- kubeka phambili iimfuno zobani kanye kanye xa bephethe emva kolonyulo.

Kwakhona, olu lwazi lungaba sisithintelo kurhwaphilizo ngokudandalazisa iminikelo yemali esisixa esingaphaya kokuqonda okanye inkcitho-mali engaphaya kokuqonda engasikhombisa okuthile okungalunganga emehlweni omthetho.

Xa thina bavoti sinolwazi ngezi mvuzemvuze zoosomashishini abanikela kubagqatswa bezopolitiko singakwazi ukubona naxa esibavoteleyo bedimbazela imali karhulumente kumashishini abo bangabaxhasi babo.

Njengoko izantyalantyala zemvula yemali zibonakala kumalungiselelo olu lwenyulo, akothusi ukufumanisa into yokokuba okokuqala oko sakhululekayo ngowe1994 isininzi seenkokheli zopolitiko ezisepalamente nakoomasipala zinobutyebi obuxabisa ngaphezulu kwesigidi seerandi (millionaires).

Kwakhona, abakhimkhanyo baqikelela okokuba imali-inkcitho kolu lwenyulo ingangaphezulu ngezigidi zeerandi ezivisayo xa kuthelekiswa nolwenyulo lwangowe- 2014 lwepalamente kazwelonke nezamaphondo.

Kungoko kubalulekile singabavoti sazi ngobutyebi obuphembelela uhlobo abagqatswa abagaya ngalo inkxaso. Ngelishwa, ukuba asinyanzelisi ukudandalaziswa kwezi nkcukacha, ulwamvila lokusebenza kobutyebi kolu lwenyulo luyakusihlaba kabuhlungu sekungasekho kubuya ngamva kwizigqibo esazithathayo ngomhla wolwenyulo.

Ucingo luwile, kutsiba nezimithiyo!