Iphi indlu yam?

UBridget Mbusi waseZwelitsha ufuna indlu, uthi lilungelo lakhe elifana nelabanye abantu

EyoKwindla yinyanga yamalungelo abantu eMzantsi Afrika, kuBridget Mbusi waseZwelitsha le yinyanga efana nezinye kuba kudala ejijisana nedabi lokufumana indlu eyeyakhe.

“Ndineminyaka engamashumi amathandathu anesithathu (63) ngoku, oko ndandisilwa ndisilwela ukufumana indlu, zonke iinzame zam aziphumeleli kweli lizwe,” uthethe watsho uMbusi.

Uthi kudala ejikeleza kumaphondo aquka iMpuma Koloni nephondo laseRawutini ekhangela uncedo lukarhulumente lokufumana indlu eyeyakhe.

“Ndihleli iminyaka eKagiso ndifaka izicelo zokufumana indlu, izihlandlo ezahlukileyo, kodwa kude kwangoku andinayo indawo eyeyam yokuhlala, andixhamli kula malungelo nithetha ngawo,” ekhathazekile utshilo uMbusi.

Lo kaMbusi uyinkokheli yombutho iAlbinism Society of South Africa eMpuma Koloni ngokukodwa kwingingqi yaseQonce.

“Ndilwela abantu abaphila neenkubazeko ezininzi ezahlukeneyo, kodwa iyandihlupha le yokuba ndihambe ndihlala ebantwaneni bodade wethu ngenxa yokungabinayo indlu eyeyam,” utsho uMbusi.

Le nkosikazi ithi idiniwe kukuhlala nasekhayeni layo elisePeelton ifuna ukuzimela ngokuhlala kwindlu eyeyayo.

Umbutho iAlbinism Society of South Africa wasungulwa ngonyaka ka1992 ngeenjongo zokulwela abantu abaphila nebala elinkawu (elimhlophe).

“Ngexesha ledabi leNkatha neANC eThokoza bendiphaya ndisilwela amalungelo abantu abakhubazekileyo, iinzame zam azindincedanga, kuba ndisasokola nanamhlanje,” uthethe watsho Mbusi.

UBoniswa Cangci yintombi kadade boBridget Mbusi, uthi bakhathazekile kukunganakwa kwale nkosikazi.

“Uhamba ehlala umakazi, nathi simthathe esuka kugxothwa kwenye indawo, uthathelwa iimali zakhe, amakhadi akhe nezinye izinto, sicela akhelwe indlu umakazi,” uthethe watsho uCangci.

Ukusukela ngonyaka ka1994 urhulumente weli waqala inkqubo yokwakhela abantu izindlu ngeenjongo zokuguqula impilo yoluntu.

Othethe egameni leSebe lokuHlaliswa koLuntu eMpuma Koloni uLwandile Sicwetsha, uthi ngenene banaso isibonelelo sabo baphila nenkubazeko.

“Makadibane neofisi ekufutshane kuye, afake isicelo ngokusemthethweni, sikhona isibonelelo sabantu abaneemfuno ezizodwa njengaye.”

Lo kaSicwetsha uthumela le nkosikazi kwinombolo yasimahla yela sebe engu 0860 00 00 39.

“Kula nombolo uza kufumana amagosa aza kumxelela banzi ukuba makathini na ukuze ancedwe ngokweemfuno zakhe, baninzi abantu abanjengaye abafumana uncedo lwethu,” utsho uSicwetsha. UNomasonto Mazibuko ongusihlalo weAlbinism Society of South Africa akafumanekanga egameni lalo mbutho nanjengoko abantu abaphila nenkubazeko benengxaki yokudinga iindawo zokuhlala.