Iphi iR55 Million yaseQoboqobo?

Abahlali baseQoboqobo beqhankqalazela umasipala eMonti, ngenxa yokulibazisa kwenkqubo yokuphuhlisa iQoboqoboUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

“Amasela amnyama asenzela iwari”. Oku kudizwe yindibanisela yabahlali belali ezilithoba zaseQoboqobo xa bebeqhankqalaza kwii-ofisi zomasipala wase-Amathole, bebuzisa ngemali yabo ekumashumi amahlanu anesihlanu ezigidi zeerandi (R55 Million).

Ingxelo yabahlali ithi ezilali ziquka iUpper neLower Gxulu, Upper neLower Mnyameni, Upper Ngqumeya, Gwiligwili, Ndlovini, Ngobozana neMthwaku – zanikwa imali yebango lomhlaba ekwikhulu neshumi lezigidi zeerandi (R110 Million).

Enye yeenkokheli zabahlali uGasa Ndingane, uthi ngo1998 bathatha isigqibo ngale mali. “Sagqiba ukuba imali engange R55 Million igcinwe ngumasipala wase-Amathole ukuze isetyenziswe kuphuhliso lwezilali zolithoba, asoneli yindlela ehamba ngayo le mali, sifuna ukwazi ukuba iphi emva kwale minyaka mingaka,” uthethe watsho uNdingane.

Umbutho weBorder Rural Committee uthi uyabaxhasa aba bahlali kwiinzame zokukhangela ukuba kwenzeke ntoni kule mali, uPhumeza Grootboom walo mbutho uyacacisa.

“Aba bahlali sasikunye nabo ukusukela ngela xesha bebesenza ibango, besikunye nabo nangeli xesha lokufumana kwabo eli bango, sifuna ukwazi ke ngoku ukuba iphi le mali ibigciniswe apha,” utsho uGrootboom.

Esinye isixa-mali esingamashumi amahlanu anesihlanu ezigidi zeerandi (R55 Million) sabelwa abahlali abachaphazelekayo.

Le mali yanikwa ezilali kwimbuyekezo yokususwa kwabo kwimihlaba yooyisemkhulu ngeminyaka yoo-1960.

“Umasipala waseAmathole wakhe amaholo angagqitywanga ukwakhiwa kwilali nganye kwezilali zolithoba, sibone sele kufika ooganda-ganda necingo ngaphandle kokuthethana nathi, asiyazi ukuba yimalini ngoku eshiyekileyo kula mali besibanike yona abasixeleli,” uthethe watsho uNdingane.

Aba bahlali bathi ukuba le mali ibisetyenziswa ngendlela eyiyo ibinokunceda ukulwa ingxaki yentswela ngqesho eQoboqobo. Kumqulu wabo wezikhalazo ogqithiswe kusodolophu wase-Amathole uNomfusi Nxawe, abahlali bafuna kwenziwe uphando olubanzi ngendlela esebenze ngayo le mali. UNompumelelo Mpange uyacacisa.

“Sifuna ukuba kwenziwe uphando-nzulu ngendlela esebenze ngayo nesele isebenzile, lo msebenzi kufuneka wenziwe ngumphengululi zincwadi osemthethweni, sifuna ukuba le mali iphume phantsi kolawulo lwase-Amathole sizenzele ingxowa-mali yabahlali,” uthethe oko uMpange.

Aba bahlali bathi inkqubo zophuhliso ezenziwe kwezilali azinakuyigqiba imali engange R55 Million ebigciniswe e-Amathole.

Usodolophu womasipala waseAmathole uNomfusi Nxawe, uthembise aba bahlali ngokuzakwenzeka emva kokuba befumene lo mqulu.

“Sizakuqhuba uphando lwethu apha ngaphakathi sikhangele ukuba kwenzeka ntoni, ninalo ilungelo lokuqhuba uqhankqalazo xa ninganeliseki yinto eqhubekayo entlalweni,” uthethe watsho uNxawe.

Abahlali kwelabo icala bathi bazakunika lo masipala iintsuku ezisixhenxe kuphela, logama umasipala yena ethembisa ukuba uzakunika impendulo emva kweentsuku ezilishumi elinesine.