Iphi iR6 000 kaSixolile?

UNomvuzo Shumane (50) waseMdantsane olixhoba lokutyelwa imali yakhe sisikolo sokuqhuba.UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

Usakhala esimantshiyana umama wexhoba elagqunyuzwa imali engangeR6 000 sisikolo sokufundisa ukuqhuba esibizwa ngokuba yiMalcomees Driving School eMonti ngonyaka ka-2013.

UNomvuzo Shumane (50) waseMdantsane ungumama kunyana wakhe uSixolile Ntintili onamashumi amabini anesihlanu nowayemhlawulele kwesi sikolo sokuqhuba ngenjongo zokuba afundiswe ukuqhuba iloli azokufumana uCode14.

Lo mzali uthi waqala ngokuhlawula imali engangeR4 000 kwesi sikolo ngonyaka ka-2013, kodwa kunanamhla oku akazange afumane uqeqesho.

Uthe akukho nzame angazenzanga ukufumana imali yakhe xa umntwana wayengade afumane zimpepha kwaye afundiswe nokuqhuba.

“Ndiyile ezinkundleni zamatyala amancinci small claims ndiyofuna uncedo baphela bendithumela kwaSheriff naye waphelela esithubeni andancedakala, ndizamile nokufuna uncedo kwinkqubo kamabona kude uSpeak Out bathembisa yaphelela esithubeni nayo.

“Andide ndincedakale esele inditya kukuba andithathi ntweni lamali ndandiyigcine ndisaphangela ngoko ndandifuna ndithi ndiphelelwa ngumsebenzi abe enento esandleni unyanam,”utshilo uShumane.

Oku kulandela emva kokuba unyana wexhoba engazange aqalise nakanye ukubeka umcondo wakhe elolini leyo kaCode 14 de wabe uyancama. Uthi kwityeli lokugqibela emcengile unyana wakhe wafika kusithwa iiloli zokufundisa zihluthiwe ngumnikazi wazo azisekho ezesikolo emva kokuba ephinde wakhupha iR2 000.

“Oku kuqhube kwade kwangunyaka ophelileyo sesifika kusithwa isikolo eso sele semka kwaye nomnikazi lo wesikolo sewathuthela eGoli,” woleke ngelo Shumane.

Uthi unyana wakhe ngoku sukela oko kwenzeka oku kuye wabangumntu osoloko esela utywala kucaca ukuba uphantsi koxinzelelo.

Umfo obizwa ngokuba nguZwezwe okwakubhatalwe kuye nguShumane noneloli kwesisikolo uyavuma ukuba imali kaNtintili wayifumana yeeyure kodwa wayinikezela kuStevens umnikazi wesikolo yena akukhnto imdibanisa nayo.

“Sele wemka naseMonti andimazi kuba ubudlelwane bam naye sabuqhawula,”utshilo uZwezwe

UStevens kwinombolo ebesinikwe yona akakhange awubambe umnxeba xa besimtsalela.