Iphi iti yaseMagwa?

UMHLA wamashumi amabini ananye kuCanzibe ngumhla wokubhiyozela iti kwihlabathi jikelele.

Oku kwenziwa ngumbutho iFood and Agricultural Organisation phantsi kombutho weZizwe eziManyeneyo. Injongo kukunika imbeko nokuhlonipha igalelo elenziwa yiti kwiimpilo zabantu behlabathi.

Ihlabathi linamazwe angamashumi amathathu anesihlanu atyala iti, logama ingabantu abalishumi elinesithathu lezigidi abaxhomekeke kwiti.

Eli nani liquka amafama, abanikazi beevenkile ezithengisa iti kwakunye noluntu oluthi lona luyigalele ekomityini luyiphunge le ti. Ubusazi ukuba iti sesinye seziselo esidala ehlabathini, kuba saqala ukubakho kwisithuba seminyaka engamawaka amahlanu eyagqithayo.

Kunika umdla ukwazi ukuba kuyo yonke le mibhiyozo yeti, ilizwe loMzantsi Afrika alisali ngasemva kuba lineendidi zalo zeti eziphambili.

Eli leMpuma Koloni likhona kumaphondo avelisa iti, ngenxa yokuba iMagwa Tea yenye yeendidi zeti eziphambili eziphuma kweli, ukanti iintaba zaseBholani eKapa zona zivelisa iti yodidi oluphezulu eyathiywa kwangezi ntaba kwathwa yiBholani.

Umnqa mnye ke ngale ti yasekhaya apha kuthwa yiMagwa, ayibonakali ezivenkileni ezithengisa ezinye iindidi zeti, ingaba kutheni?

Oku kusishiya nombuzo nonxunguphalo ngokunjalo, kuba injongo yokwenziwa kwamasimi eti ngurhulumente waseTranskei ngelo xesha yayikukuba ithengiselwe abantu beli phondo, logama ikwadala amathuba emisebenzi ukusuka emasimini ukuya evenkileni.

IMpuma Koloni iyakubhiyoza njani ke, xa iti ekukuphela kwayo eveliswa kweli phondo ingathengiswa kwiivenkile.

Akwaba olu luvo belakufundwa nguMphathiswa, umphathi okanye igosa eliya kuba nempendulo kubantu beMpuma Koloni nakubasebenzi baseMagwa. Impendulo kumbuzo othi kutheni ingekho iti iMagwa kwiivenkile ezithengisela abantu baseMpuma Koloni?

Ukuveliswa kweti eMagwa yenye yeenkqubo ezaba yimpumelelo kumsebenzi omhle owenziwa ngoobawo uDaliwonga Mathanzima noBhota Sigcau ngeenjongo zokukhulisa nokuhlumisa uqoqosho kule ndawo kwakusithwa yiTranskei.

Kuthwa kwiminyaka elishumi egqithileyo linyuke kakhulu inani labantu abathanda iti ngenxa yokuba bebaleka ezinye iziselo.

Ukuba ngenene urhulumente weli phondo nelizwe loMzantsi Afrika ngenene uzimisele ukukhulisa uqoqosho lweMpuma Koloni, kumele ukuba uphendulwe umbuzo othi:

Iphi iti yaseMagwa? Kutheni ingekho kwezi venkile bathenga kuzo abantu baseMpuma Koloni?