Iphika ibholo lokuthengisa imisebenzi iSADTU ephondweni

IGXEKE umphathiswa wemfundo esisiseko, uAngie Motshekga iSADTU eMpuma Koloni ngelithi uthule nangona le manyano ityholwa ngokuthengisa imisebenzi yootitshala.

Le manyano ikhwele izehlela nakumbutho weDA ngelithi ulahlekisa ilizwe ngeengxelo ezithi ithengisa izithuba zemisebenzi.

IDA ifuna kuthathwe amanyathelo aqatha ngakwiSADTU emva kwengxelo ekhutshwe ligqiza lemfundo esisiseko ebiphanda iSADTU kwibholo lokuthengiswa kwemisebenzi yobutitshala, ngakumbi eyobunqununu.

Ilungu leDA, uGavin Davies ongangumphathiswa wemfundo esisiseko xa kunolawula mbutho wakhe uthe kufanele ivele phambi kwekomiti ejongene nemfundo esisiseko iSADTU, izokujongana nemibuzo ngalo mkhuba.

Ukanti eMpuma Koloni iSADTU ithe iyayikhaba le ngxelo ikhutshwe nguMotshekga.

Umlawuli kwigqiza leSADTU kweli phondo uSindisile Zamisa uthe, “Sifumanise ukuba le ngxelo iqulethe izityholo ezingenabunyani, abarhanelwa abachazwe yile ngxelo zange banikwe thuba lokuziphendulela.”

Uqhube wathi, “Ingxelo engagqibelelanga ebikhutshwe leligqiza ibiqulathe kwa ezimpazamo, saze sazikhalazela, siyothuka xa sibona ingxelo epheleleyo isenezompazamo.”

OkaZamisa uthe, le manyano ilindele inyathelo elilandelayo likampathiswa uMotshekga phambi kokuba ithathe awayo amanyathelo.

NgoLwesihlanu ikomiti yemfundo esisiseko kulindeleke ukuba ixovule ingxelo yegqiza ebelityunjwe nguMotshekga. Ingxelo yeligqiza idyobhe abarhanelwa abangamashumi amathathu anesibhozo kweli bholo kumaphondo amathandathu athe aqatsela kulo mkhuba.

UDavies uthe, “Sifuna uMotshekga abeyinxalenye yeli gqiza ukuze acacise ukuba umangele kusini na emapoliseni, usifakile na isicelo kumphathiswa wamapolisa ngelokuqinisekisa iziphumo koluphando, aphinde achaze nangamanyathelo azakuwathabatha ukukhulula lamaphondo mathandathu kumatyathanga eSADTU.”