Iphinde yaqhekezwa ikliniki yaseBhayi

BanxubilE abahlali nabasebenzi bekliniki yaseNew Brighton, eBhayi, ngenxa yoonqevu abasoloko beqhekeza kule kliniki yabahlali.

Esi sithwakumbe sokuqhekezwa kwale kliniki sidale ukuhexa nokungahambi kakuhle kweenkonzo zonyango. Ngentseni yangoLwesibini abasebenzi nabahlali bothuswe sesi sithwakumbe sokuqhekezwa kwale kliniki okwesihlanu kulo unyaka.

Ezi zigila-mkhuba zisike ucingo, zaqhekeza uphahla lwale kliniki, zasika oogesi, imibhobho yamanzi, iikhompyutha, bamosha amayeza neepilisi. Intsumpa, nokwangumsebenzi kule kliniki uMama uWendy Mngqibisa, uthethe ngelithi baphila okwamantshontsho, abakwazi kusebenza ngenxa yokungabikho kwamanzi, iifowuni zokufowunela esibhedlele ukufuna amancedo afana nenqwelo yezigulana, basebenzisa iminxeba yabo, imeko imaxongo kule kliniki.

“Singabasenzi bale kliniki asiphili kamnandi izigila mkhuba zisiphethel’imbengwana, besigrogrisa ngokusonzakalisa,” kutsho uMngqibisa.

UMandisa Mthengenya ongumhlali kule ngingqi yaseNew Brighton, obengomnye kubahlali abebeye kucela uncedo kuceba malunga nale kliniki, uthi akakwazanga kuhoyakala kuba uNksk. Nancy Mtati onguceba wale ngingqi uthe uya entlanganisweni.

Ukanti sithethe noceba wale ngingqi uNancy Mtati, ophendule ngelithi uxakekile akazokwazi ukuphefumla ngalo mba, masifowunele ugxa wakhe uDolly Buti, nalapho ugxa wakhe lowo uthe akaphangeli ukwikhefu. Noxa kunjalo, abahlali bakhala ngokungavisisani kwaba ceba babini, besithi abasebenzisani, basoloko bethembiselana kwimicimbi efuna bona.

“Andonwabanga kwaphela yile nto yenzekayo ekucaca ukuba yinto esele iza kwenzeka, kuba oonogada bethu abaxhobanga, kwaye bashokoxekile, loo nto ithi nathi sizizigulana ezincedwa kule kliniki asikhuselekanga kwaphela,” utshilo utata uBoreli Siras Makgato, ongomnye wabahlali abancedwa kule kliniki.