Iphondo lityelelwe sisirhulumente saseKZN

ISEBE lezemfundo eMpuma Koloni lamkele igqiza eliphuma kumasebe aseburhulumenteni kwiphondo laKwa-Zulu Natal.

Eli gqiza liquka amagosa aphuma kwela phondo, kwisebe lezemfundo, elobugcisa nenkcubeko kwakunye nelijongene nolwimi lesiZulu, i-Isizulu Lexicography Unit.

Kwindibano ebibanjwe eStling Institute eMonti, amagosa aphuma kwelaKwa-Zulu Natal ebephulaphule amagosa aphuma kwisebe lezemfundo kweli phondo ebachubela ngomgama osele uhanjiwe ekufundisweni ngolwimi leenkobe. Isebe lemfundo eKZN lizimisele ukusungula le nkqubo sele ineminyaka emine ivavanywa kweli leMpuma Koloni.

Umphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni uMandla Makupula uthe, “Injongo yolu tyelelo kukuphuhliswa kweelwimi zethu nokwenza lula indlela yokufunda kwabantwana. Lubambiswano olu, elowo nalowo uyaxhamla.”

Uncome iphondo lakwaKZN ngokuthanda ulwimi lalo esithi, ekuhlaleni phaya isiZulu lelona lwimi lithethwa kakhulu. Ubalule ukunyanzeliswa kwesiZulu yiYunivesithi yaKwaZulu Natal kwabo bafundela ubugqirha.

“Lo nto inceda ukuba unxibelelwano phakathi koogqirha namanesi lube lula, inesi inike isigulane iyeza ngokomyalelo kagqirha,” utshilo okaMakupula.

Ukanti isebe lemfundo kweliphondo livumile ukuba lisenemiceli mngeni ekumiliseleni inkqubo yokufundiswa ngolwimi lenkobe.

UBoniswa Qaga okuphuhliso lweelwimi kwisebe lezemfundo kweliphondo uthe, umceli mngeni ziincwadi ezibhalwe ngesiXhosa nezinentsusa kwintalo yasemaphandleni.

Uthe lisebe lezemfundo kuzwelonke elinika umkhombandlela kuphuhliso lolwimi lenkobe. Obethethela igqiza eliphuma eKZN uthe, bafike nombono, bafumana uncedo ngendlela abanokuthi bawuphumeze ngayo.

“Linyathelo lokuqala eli. Sizokuqhubekeka nothethathethwano” utshilo.

Ukwathe igqiza laseKZN lizakuphinde libuye liye Kwisikolo iLuzuko eCofimvaba, nesona iqale kuso le nkqubo.