Iphondo liwonga uLillian Diedericks

UKUFULATHELA iinkumbulo zedabi elibuhlungu lomzabalazo ze uhlabe ifolo kwinkonzo yoluntu ekhatshwa lundiliseko nokukholosa ngoluntu.

Oku kuthethwe yiNkulubaphathiswa yeli phondo uOscar Mabuyane emva kokuba kule veki urhulumente waseMpuma Koloni etshintshe isakhiwo sombuso wephondo esaziwa njengeState House eBhisho wasibiza ngetshantliziyo lomzabalazo weli uLillian Diedericks.

Isakhiwo sombuso eBhisho sithiywe ngetshantliziyo lomzabalazo uLillian Diedericks UMFANEKISO: MANDLA NDUNA / EC OTP

UDiedericks wazalelwa eGqeberha ngo1925. Ungomnye wamakhosikazi awayekhokele umngcelele wamakhosikazi ka1956, owawuchasene nenkqubo karhulumente wengcinezelo yamapasi.

Ethetha eLillian Diedericks House uMabuyane uthe: “Ndifuna ukubulela umam’ uLillian ngegalelo nokuncama okwenziwa lusapho (lakwaDiedericks). Sakusoloko sikubulela mama ngendima oyidlalileyo. Silapha namhlanje ngenxa yomzabalazo.”

“Sikothulela umnqwazi wena namanye amakhosikazi aye asebenzisana nawe. Kuwe sibona amaqhawe namaqhawekazi amaninzi angenandumasi,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi igama elithi Bhisho State House libakhumbuza idabi elibuhlungu lokulwela inkululeko.

IBhisho State House yayisisiza apho wayehlala futhi esebenzela khona uOupa Gqozo owayesakuba yinkokheli yephandle elalisaziwa njengeCiskei.

“Ngokutshintsha esi sakhiwo sisibize iLillian Diedericks House sifuna sihambelane nenkonzo engajonganga ziqu, undiliseko, ukuzinikela, inkqubela kwanokuzibhenca eluntwini.

“Ngenye imini siza kufa kodwa esi sakhiwo, iLillian Diedericks House, siza kuhlala sihleli. Abantwana bethu baza kubuza ukuba yayingubani lo Lillian Diedericks kwaye baza kufunda ngebali lobomi bakhe njengeqhawekazi lokwenyani,” utshilo uMabuyane.

Izihlobo zikaLillian Diedericks zikunye neNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane eBhisho UMFANEKISO: MANDLA NDUNA/ EC OTP

Umam’ uDiedericks akakhange akwazi ukuphumelela kulo msitho ngenxa yempilo.

Intombi yakhe uEugenia Plaatjie wenze umbulelo kuMabuyane ngokuwonga umama wakhe.

“Bekufanele ukuba kwenzeke nyakenye oku kodwa akwenzeka. INkulubaphathiswa isigcinile isithembiso sayo. Sikwabulela nangokulungiswa kwebango lokuba yayingamakhosikazi amane [awayekhokele umngcelele wamakhosikazi kweyeThupha 1956]. Siyabulela ekulungisweni kwento yokuba yayingamakhosikazi amahlanu [Lillian Ngoyi, Helen Joseph, Sophia de Bruyn, Lillian Diedericks noRahima Moosa],” kutsho uPlaatjie.

UPlaatjie ubongoze uMabuyane ukuba anike ingqwalasela nakumanye amakhosikazi. “Baxhobise! Njengokuba [siphuma] kwinyanga yamakhosikazi nje, ndikwabongoza amadoda ukuba ame ngenyawo. Makuboniswe amakhwenkwe amancinane indlela yokuphathwa kwababhinqileyo. Ukuba kungenziwa kanjalo zingancipha izehlo zokubulawa kwamakhosikazi,” utshilo uPlaatjie.