Iphulo le-Operation Phakisa lithembisa imisebenzi kuluntu laseBhayi

NGAMAKHULUKHULU babalandeli beANC ebebephulaphule intetho kamongameli weli uJacob Zuma ngethuba esungula iphulo uOperation Phakisa kunxweme laseBhayi.

UZuma ebephelekwe nguSodolophu womasipala ombaxa iNelson Mandela Bay uDanny Jordaan, inkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle, umphathiswa memicimbi yezendalo * -Edna Molewa, umphathiswa wamaqumrhu karhulumente uLynne Brown kwakunye namanye amalungu ekhabinethi, kurhulumente kazwelonke noweMpuma Koloni.

Kweli phulo, uZuma ubike ukuba yi17 yeebhiliyoni zeerandi etyalwe kweli phulo eselidale amathuma emisebenzi abalelwa ku-4 500. UZuma udize ukuba yi350 yezigidi esele ibekelwe bucala kumalungiselelo okwakhiwa kwezibuko leenqanawe eKapa naseThekwini.

“Kweli phulo sesidale imisebenzi efikelela ku355,” utshilo uZuma. Uqhube wathi, “Apho urhulumente athe wanegenelelo, nokuba kungesithuba somgaqonkqubo okanye ngokukuququzelela izigunyaziso, ukunika imvume okanye ngokwenza igalelo, utyhila utyalo mali loosomashishini babucala.” UZuma ukwathe, “U-Operation Phakisa uzakunceda nakuphuhliso loqoqosho emaphandleni. Oku kuzokwenza ngokuphuhlisa amanxweme, ngokuphucula ukhenketho kwiindawo ezinamanxweme olwandle nangokufuywa kweentlanzi.” Ukwathe yimali ebalelwa kumashumi asibhozo ezigidi zeerandi ebekelwe bucala kuphuculo lweendawo zokuloba eNtshona Koloni eziquka iGansbaai, eSaldanha Bay, eStruisbaai, eGordon’s Bay kwakunye naseLamberts Bay. Kuzakuvulwa namanye amanxweme eMntla Koloni, eMpuma Koloni kwakunye naKwaZulu-Natal, ndizakuba negalelo kuqoqosho lwasemaphandleni, uthethe watsho okaZuma.

Wenze umbulelo ongazenzisiyo kumongameli Zuma uJordaan. “Siyabuilela ngesi sipho size notyalo mali nangokuqinisekisa ukuba utyalo mali lifanelekile kwiqabane lakho lomzabalazo uNelson Mandela.

Uncedisa ekwakheni lo masipala, uMadiba uncumile apho akhoyo,” utshilo uJordaan. OkaJordaan uthe abantu balo masipala bafuna iinguqu hayi utshitsho kulawulo. Uthe, “Singakha izindlu, sisingathe iminyhadala, kodwa oko soze kubeluncedo kuba abantu bafuna imisebenzi.” Ubongoze uluntu ukuba livotele iinguqu ngomhla wesithathu kaAgasti walo nyaka. “Siyazi ukuba izandla zethu ziyarhawuzelela, ngumlindo womhla wesithathu ka-Agasti apho sizakuvotela iinguqu kuqoqosho, sivotele iANC ezalisa ithemba nemisebenzi,” uqhube watsho uJordaan. Ulumkise uluntu lwaseBhayi ngelithi uvoto oluze notshitsho liyobe lelingafanelekanga.

Kwakulo msitho, uZuma usungule iziko lemfundo iSouth African International Marine Institute nezakubambisana neYunivesithi yaseNelson Mandela Metropolitan.