Iphulo lokubagoba besebatsha lifumana umdla

Abafundi basePellsrus Primary abathabatha inxaxheba kumaqela okufunda iincwadi UMFANEKISO: UTHUNYELWE

EMVA kokubonakalisa umdla, kuthatyathwe isigqibo sokuba landiswe inani lezikolo ezithabatha inxaxheba kumaqela okufunda iincwadi kumasipala waseKouga, lisisuka kwizikolo ezine ukuya kwishumi elinesibini.

La maqela okufunda aphantsi kwenkqubo ebizwa iFoundation Phase Literacy Programme yeFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseJeffreys Bay.

Izikolo ebezikho ukuqalwa kwale nkqubo kunyaka ophelileyo yiLaerskool Gamtoosvallei, St Patrick’s Primary, Pellsrus Primary neHankey Primary, logama izikolo eziza kuthabatha inxaxheba kulo nyaka iyiChigwell Primary, Graslaagte Primary, Kruisfontein Primary, Patensie Primary, Quagga Primary, Vukani Primary, Weston Primary neSea Vista Primary.

Oncedisa kule nkqubo yokufunda kwisikolo iHankey Primary uRuchaan Malgas, uthi baqale kancinane ngabafundi abasibhozo befunda xa kuthatyathwa ixesha lokuphumla emini (lunch break), ze emva komdla balonyusa eli nani besiya kwishumi elinesibini. “Bayokonwabela kakhulu. Ndisoloko ndibakhuthaza ngelithi ogqibe kuqala ukufunda incwadi, uza kunikwa ithuba lokubalisela abanye ibali elo,” kutsho uMalgas.

UHlengiwe Mhlaba, umlawuli woPhuhliso lwezoQoqosho kule Fama yoPhehlo-mbane ngoMoya, uthi eli nyathelo linceda kakhulu abantwana ukuba bakwazi ukubiza amagama futhi bakwazi nokwetyisa oko bakufundayo.