Iphulo lokunceda abantwana baseRhini

Liqhutywe ngempumelelo iphulo lokunceda abantwana baseRhini elibizwa ngokuba yiTAG A CHILD THIS WINTER.

Eli phulo liqale kwiinyanga nje ezimbini ezidlulileyo kulo nyaka sikuwo, kwaye sele lincede ngezilamba abantwana abangathathi ntweni baseRhini abangapha kwekhulu.

Umsunguli weli phulo uAshia Nkontsa ebambisene Nompumezo Makinana uthi, ngokubona kwabo imeko yabantwana abatsala nzima kumakhaya abo kube kukho nabo bathatha entweni babe bekwisikolo esinye akukho mnandi.

Uthi ukubona imeko yabanye babantwana abafundela kuyo kumagumbi angenazifestile, iminyango kwanombane beqhaqhazela yingqele kuko okwabachukumisayo.

“Siye saqalisa ukufuna uncedo kuluntu apho besiqokelela izilamba siqokelela abo bafundi bangenako. Uluntu luzile neempahla abangasazisebenzisiyo bethenga nakwivenkile ezifikelelayo bethengela abantwana. Sakwazi nokufikelela kweli nani sasinalo besijonge lona.”utshilo uNkontsa

Uthi ngethuba beyokunikeza ngezi zilamba kubantwana esikolweni zange banikeze nje kuphela ngeempahla, baye babanika namazwi enkuthazo bamamela bebanika ithuba nangezinto abanqwenela ukuba zizo ekukhuleni kwabo.

“Ibeyindima echukumisayo ke leyo ukumamela bona ingakumbi ukubona intwazana evele yalila ngethuba sibomeleza, kwachukumiseka nootitshala babo. Eli ayizukubaliphulo elinye lizakuqhubekeka ukunceda abo basokolayo.”

abongile.ginya@inl.co.za