Iphulo lokusiphula neengcambu udushe loonoteksi

Amapolisa ommandla waseMthatha aphume iphulo ezama ukusiphula nengcambu udushe lweeteksi kwingingqi yaseOR Tambo. olu dushe ligqugqise iidolophu eMthatha, eNgqeleni naseSajonisi, kwaye kunhunhe abaqhubi, nakunye nabakhweli emva kokudutyulwa kwezi ziganeko.

Ukulwa nlo mkhuba amapolisa asungule iphulo elibizwa operation Vulindlela ngoMvulo wale veki kwiziko loqeqesho lwamapolisa eMthatha.

Ngobusuku bangoLwesihlanu weveki ephelileyo kudutyulwe kwabulawa umqhubi nomnini weteksi kwilali yaseLujecweni eNgqeleni, ngelixa omnye ebulewe eSajonisi. Ukanti eBuntingville eNgqeleni umqhubi udutyulwe wenzakala. UNjengele Sizakhele Dyantyi oyinkumanda yehlokondiba lamapolisa eMthatha uthi bafuna ukulwa nabantu abophula umthetho, bekwaqinisekisa ngokhuseleko lwabantu.

“Sibona abakhweli bephila phantsi koloyiko lokuhlaselwa ezindleleni,sathatha inyathelo lokuqinisa umsebenzi wethu wokukhusela ukuzisa uzinzo kwezothutho kuphele uloyiko kubakhweli. Asinaxesha silibekileyo lokuyeka eli phulo de imeko ibuyele esiqhelweni,ixesha lokuthetha liphelile sifuna kwenziwe umsebenzi ngamapolisa kuba siwunikwe ngokuthenjwa,” kutsho uDyantyi. Ukwathi amapolisa akanosebenza odwa ukohlula lomkhuba kodwa abantu mabancedise ngolwazi nanjengoko kuchaphazeleka wonke umntu. Kwelakhe icala uBrigadier Nompumelelo Majikijela wamapolisa kummandla waseSajonisi uthi asixhenxe ubuncinane amatyala avuliweyo anxulumene nodushe lweeteksi kula ndawo kuquka nokuhlaselwa kwepolisa. UMajikijela uthe: “Sizovala indlela sisenza ugqogqo phakathi kwindlela R61 siye nakwirenki ezahlukeneyo sibonakalise ukhuseleko lwabahlali.” Amacandelo athatha inxaxheba ku Operation Vulindlela aquka iTactical Response Team, Pop, ooKhetshe namanye, kwaye ngamapolisa angaphezulu kwekhulu elinamashumi amathandathu athatha inxaxheba nekulapho ohlulwe ngokwamaqela.

Kusenjalo kuzoqwalaselwa imeko yezithuthi ezingena nombolo mbhalo nekudizwa ukuba zisetyenziswa kakhulu kwiziganeko zodubulo ezindleleni.