Iphulukene namanqaku amathathu emva kokudlala ngokulingana iWSU

Owayesakuba ngunozinti weKaizer
Chiefs kunye neMoroka Swallows nongumqeqeshi weWalter
Sisulu University, uMoses “Skhephe” Khenyeza uthi impazamo yokuwisa kwabadlali kumhlabo wabo
yeyonanto ibethe iqela lakhe.

Oku kulandela emva kokuba umdlali wangasemva weWSU ethe wawisa ifolosi yeMatta Milani phakathi kwebhokisi enkulu kunye nesenta kumdlalo weABC Motsepe League obubanjelwe kwibala iNgumbela eDutywa ngoMgqibelo.

Lo bhola isuswe apho yayokuhlanga nentloko kaVuyolwethu Sontashe wayivalela emnatheni ngomzuzu wokugqibela.

Ikwayilo gowuli ekhokelele ukuba la maqela adlale ngokulinganayo, emva kokuba iWSU ifake ipenalthi ngesiqingatha sokuqala ngomzuzu weshumi, ifakwa nguRorisang Setloboko oyifolosi.

UKhenyeza uthi ngaphambi
kokuba kuqale umdlali ebebaxelele abadlali bakhe ukuba bangawisa abadlali
beMilan kumhlaba wabo.

“Abadlali bam njengokuba bebafutshane ndibaxelele ukuba bangawisi badlali kumhlaba wethu, kuba
kuzakubanzima umela nabadlali beMilan
abade emoyeni”, utshilo.

Uthi nangano eneentsuku
ezine ekunye nabadlali bakhe kodwa ukwazile ukulungisa izinto ezininzi, ezifana
nendlela yokuzipha kwabadlali ebaleni nangaphandle kunye nengendlela yokudlala
ibhola ephucukileyo.

“Abadlali bam
bebekuthanda ukudlala ibhola yasemgaqweni kwaye bengenaso isimilo sebhola
ekhatywayo, kodwa ngoku ndiyavuya ukuba umcimbi bawubambile”, uqhube watsho

Lo mqeqeshi uthi unesicwagciso sokuba baphumelele yonke
imidlalo abayidlalela ekhayeni, kwaye bazifundise nento yokubambelela kwigowuli
abalifakileyo.

UKhenyeza uphawule
nangomdlalo wabo olandelayo kunye neFuture Tigers evuthayo ngoMgqibelo kwibala
laseWSU eGcuwa.

Uthi nangona iTigers
ikwindawo yesibini kuluhlu lwamaqela eABC Motsepe League, kodwa kunyalekile
ukuba bafumane amanqaku aphlelelyo kuyo nanjengoko bazakube bedlalela ekhayeni.

Iqela lakhe lihleli
kwindawo yeshumi elinanye kuluhlu lwamaqela elinqanaba ngamanqaku alishumi
elinesine, emva kwemidlalo elishumi elinesithathu.