Iphulukene nethuba iNFP, ngokokutsho komhlalutyi

Iphulukene nelona thuba lihle iNational Freedom Party (NFP) ngokungangeneli kulo- nyulo loorhulumente basemakhaya.

Oku kudizwe ngumhlalutyi wezopolitiko uBhasela Yalezo ngethuba encokola nephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa kulandela isibhengezo se-IEC sokuba iNFP ayizukubakho kuluhlu lamaqela angenela unyulo lenyanga ezayo. Esi sibhengezo se-IEC silandela ukusilela kweNFP ekuhlawuleni imali efunekayo ngomhla obubekwe yi-IEC.

Igosa eliphezulu kwi-IEC uTerry Tselane ubhengeze izolo ukuba iNFP ayizukuvela kuluhlu lamaqela ezopolitiko xa kuqala ukushicilela uluhlu lamaqela azakuthabatha inxaxheba kulo- nyulo.

UYalezo uthe: “Ngoku mabasebenzele ulonyulo lukazwelonke oluzakubango 2019, kuba kweli ityeli bohlulakele nangona ibelelona thuba lihle eli kulo mbutho kuba ubuqhuba kakuhle kakhulu ngaphambili. Eyona nto ithe yayingxaki kulo mbutho ibekukulwa kwamalungu ngaphakathi embuthweni.”

UYalezo ukwathe into yokuthembela kwinkokeli enye uZanele kaMagwaza-Msibi kuthe kwawuqhwalelisa lo mbutho.

Lo mbutho ubusele uneeWadi ezingama-220 kwiphondo laKwa Zulu-Natal, kwaye ubusele ujonge ukufumana iiwadi ezingapha kwewakwa. Ukungangeneli unyulo kwinyanga ezayo kuthetha ukuba sokuze ibenaye nomnye uceba iNFP.

UMagwaza-Msibi ukwimeko enzima nanjengoko efunyenwe sisifo sokufa icala, sele kunzima nokukhupha ilizwi, kwaye sele kunzima nokuhamba.

abongile.ginya@inl.co.za