Iphumelele iFrelimo eMozambique

UDaniel Chapo onguMongameli welizwe laseMozambique.

Umbutho owalwela ukukhululwa kwelizwe laseMozambique phantsi kwengcinezelo yamaPhuthukezi, iFrelimo, iphumelele emagqabini kulo nyulo obeluqhutywa kwela lizwe. IFrelimo intanganye nemibutho equka iANC yoMzantsi Afrika, iSWAPO yaseNamibia, neminye imibutho eyalwela inkululeko kumazantsi eAfrika.

UMongameli weli nokwanguMongameli weANC, uCyril Ramaphosa, wenze amazwi eminqweno emihle kuMongameli welizwe laseMozambique, uDaniel Chapo, ngokuphumelela kolu lonyulo.

Ilizwe laseMozambique ngenxa yombutho weFrelimo, lasingatha amajoni omzabalazo weli iminyaka emininzi. Ngenxa yobuhlobo beANC neFrelimo kukho amangcwaba wabantu beli abathi bangcwatyelwa kwela lizwe emva kokuba behlaselwe babulawa eMatola, eMozambique.

Ilizwe laseMozambique – ngenxa yeFrelimo – lalikhaya labaninzi abalishiyayo eli ngenxa yemeko yobandlululo ngeminyaka yoo1960 bekhangela igwiba lokhuseleko.

Ela lizwe laliphantsi kwengcinezelo yelizwe lasePortugal eyanyanzela uninzi ukuba luthethe ulwimi lwesiPhuthukezi logama kubulawa iilwimi zela lizwe.

UChapo weFrelimo uphumelele kolu lonyulo ngomyinge wamashumi asixhenxe eepesenti ekhulwini ebetha umgqatswa ozimeleyo, uVenancio Mondlane kunye nomgqatswa weqela eliphikisayo iRenamo, uOssufo Momade.

URamaphosa uqhwabele izandla umbutho weFrelimo kwakunye namalungu awo ngokuthatha inxaxheba kolu lonyulo ngeenjongo zokuba kwenziwe inguqu eMozambique.

Oku kungavuselela ubuhlobo borhwebelwano phakathi koMzantsi Afrika nelizwe laseMozambique ngenxa yeFrelimo.

Olu lonyulo luchazwe ukuba luqhube kakuhle kakhulu nangona wona umbutho ophikisayo iRenamo ikhala ngelithi aluqhutywanga ngendlela.

Kulindeleke ukuba kuqhutywe ulonyulo kwilizwe laseBotswana ngoLwesithathu wale veki nekulindeleke ukuba luze nenguqu okanye luqinisekise ukuqhubela phambili koRhulumente olawulayo.