Ikhaya eligcina abantwana abangenabazali, abanye babo bengakhathalelekanga, iEnkazimlweni Home Based Care eDuncan Village lisaqhuba nomsebenzi walo nangona ebhubhile umseki walo.
UNonkululeko Maneli (60), owaseka eli khaya wabhubha kwinyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo, emva kwengulo emfutshane.
Eli khaya ngoku liphantsi kwezandla zabazukulwana bakaManeli njengoko besithi baza kuqhubekeka nokugcina aba bantwana kuba oku luhlobo abazipholisa ngalo iintliziyo zabo.
UZintle Maneli nongumzukulwana kweli khaya, ethetha neli phephandaba uthi bayaqhuba nokubagcina abantwana.
“Umakhulu ebebathanda aba bantwana kungoko nathi siza qhubekeka sisenza njalo. Iphupha lakhe ibikubabona bekhuselekile abantwana bakhe bekhula kwaye benekhaya. Nathi siza kulandela ekhondweni senze njalo.
“Oku sele iluhlobo esizipholisa ngalo iintliziyo zethu zokushiywa nguye singakhange silindele,” kutsho uZintle.
I-Enkazimlweni igcina abantwana abalishumi elinesithandathu bebonke abahlala ngaphakathi kweli khaya.
Oyena mntwana umncinci kubo ngoneminyaka emithathu kuphela nowanyengezwa ngumama wakhe.
UZintle uthi mininzi kakhulu imicelimngeni abajongene nayo ekumkeni kukamakhulu wabo.
Uthi abathathu abantwana kubo abakwazi ukufumana iziqinisekiso zokuzalwa ngenxa yokusokola izihlobo zabo. Uthi umakhulu wabo ubashiye ezokufakela iintsimbi ezifesitileni kodwa oko kusame ngxi.
AbakwaManeli bathi naluphi na uncedo olunokuthi luze eluntwini bakulamkela.
UNomthandazo Mango olilungu lebhodi nokwangumakhelwane kweli khaya, uthi noko uncedo lukhona abalufumanayo koonontlalontle nanjengoko besazi ngokubhubha kukaNonkululeko.
abongile.ginya@inl.co.za
Makadedele abanye uMalema kwiEFF