Ipolisa libanjwe neziyobisi

OOKHETSHE kwicandelo leNarcotics Enforcement Bureau babambe ipolisa elineminyaka eyi-31 ubudala eBellville eNtshona Koloni, nelifunyenwe lineepilisi zohlobo lwe-mandrax eziyi-41 000 enexabiso eliqikelelwa kwi-R1.9 yezigidi, sitshilo isixeko saseKapa.


Isithethi sooKhetshe, uLloyd Ramovha, uthi iHawks zithelwe thsuphe zaze zalandela ekhondweni, zafumana ezi pilisi kwizithuthi ezibini emzini weli polisa e-Inspan Road.

 

“Ugqogqo lukhokelele ekufunyanweni kweepilisi ze-mandrax ezingapha kwe-40 000 ebezifihlwe kwizithuthi zeli polisa. Singathi ixabiso lazo lingaphantsi nje kancinci kwezigidi ezibini malunga ne-R1.9,” utshilo.

 

Umrhanelwa obanjiweyo uyakuvela kwinkundla kamantyi eBellville namhlanje ngezityholo zokuthengisa nokugcina iziyobisi.

 

Owekomiti yezokhuseleko eNtshona Koloni, uJP Smith, uthe isixeko sothukile sesi siganeko kwaye uza kunqunyanyiswa emsebenzini umoni.

 

Uthe eli gosa lesipolisa belingaphangelanga ukubanjwa kwalo, kodwa egcine umpu womsebenzi nto leyo athi kukophula umthetho kwayona.

 

“Nangona ityala lisaphandwa, isikhathaza kakhulu le nto kwaye siza kuzincedisa iiHawks xa kufuneka senze njalo,” utshilo.

 

USmith uthe iziganeko ezilolu hlobo zinegalelo ekophuleni intembeko kumagosa ezomthetho.