Ipolisa libanjwe ngezityholo zokufuna isinyobo

Kubanjwe kwavalelwa ipolisa elineminyaka engamashumi amahlanu ananye emva kwezityholo zokufuna imali yesinyobo kumqhubi wemoto obegaxeleke engozini eLusikisiki.

Isithethi samapolisa aseMpuma Koloni uBrigadiya Marinda Mills uthi ukubanjwa kweli polisa, elikwinqanaba lobuWarrant Officer, kuza emva kokuba lifune imali ekwiwaka elinesiqingatha leerandi (R1 500) kumqhubi obeye kwisikhululo samapolisa saseLusikisiki eyokubika ngengozi.

“Lo mqhubi uyibike emva kosuku le ngozi futhi nelayisenisi yakhe yokuqhuba ibilahlekile,” utshilo uMills.

UMills uthi lo mqhubi uye wabikela amapolisa malunga nenyathelo lokufunwa isinyobo. “Amapolisa aye aseka iqela lokucupha ipolisa eli. Ugxa (wethu) ubanjwe esemsebenzini futhi nemali yesinyobo ifunyenwe ikuye,” kutsho uMills.

UMkomishinala wamapolisa ephondo uLieutenant General Liziwe Ntshinga usikhalimele isenzo seli polisa, esithi le nkonzo izimisele ekusiphuleni neengcambu ubuqhophololo nakumacandelo ayo.  

UMills uthi eli polisa kulindeleke ukuba livele kwinkundla kamantyi yaseLusikisiki kungekudala.