UKHALA ophanda ulwaphulo-mthetho olwenziwa ngamapolisa (IPID), uphanda ngetyala lepolisa laseMsobomvu eGcuwa, elityholwa ngokubetha libulale isinqanda-mathe salo.
Eli polisa, nelinamashumi amathathu ananye (31) eminyaka, libulele intokazi elincuma nayo enamashumi amabini anesithathu (23) eminyaka ubudala kwakula lokishi.
Ngokwengxelo eziphuma kwabakwa IPID zithi, eli polisa, nelikwinqanaba lobuConstable, liqale ukuxhaphaza le ntokazi yalo ngomhla wesixhenxe kule nyanga.
Uthe xa ebona ukuba umosele, wamsa kwisibhedlele saseGcuwa ngoMgqibelo, nalapho ibhubhele khona le ntokazi.
Emva kokubona ukuba yonzakele le ntokazi, eli polisa liqonde ukuba malizifihle, kodwa xa libona ukuba amahlathi okuzimela aphelile, lazinikezela emapoliseni – nekulapho athe labekwa khona ityala lokubulala.
Umrhanelwa lo ebevelile kwinkundla zamatyala aseGcuwa apha evekini.
Noxa nje ungaziwa umhla wakhe wokuvela kwakhona, amapolisa athi use seluvalelweni.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?