Ipolisa lidubule inkosikazi ngenxa yesikhwele!

IPOLISA elidubule labulala umfazi kumarhe esikhwele, libanjiwe ngoogxa balo kulandela isehlo esimasikizi sokudubula le nkosikazi kwisikolo iVoorpos Primary eCambridge eMonti ngoLwesihlanu.


Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ephondo uKapteni Khaya Tonjeni eli polisa, elikwibakala lobuConstable, belisebenza kumapolisa aseKidds Beach.


Iingxelo zithi eli polisa lithulule ngeembumbulu kwimoto ebiqhutywa ngunkosikazi walo. Iingxelo ezingakhange ziqinisekiswe ngamapolisa zithi, eli polisa likonzakalise indoda ekutyholwa ukuba ibincuma nonkosikazi walo.


UMkomishinala wamapolisa ephondo eNjengele (Lt General) Liziwe Ntshinga uthi siyothusa esi sehlo.


“Sidlulisa amazwi ovelwano kulowo uphulukene nobomi, sikwenza oko ngokugxeka esi sehlo. Amalungu ethu makafunde ukuthetha namalungu awo osapho, iinkonzo okanye abazali xa befumana iingxaki kubomi babucala,” utshilo uNtshinga.


Eli polisa lichaphazekileyo liza kuvela enkundleni yaseMonti ngoMvulo ngamatyala okubulala.