Ipolisa lidutyulwe kwisikhululo samapolisa

Kapa: Lidutyulwe ebusweni lonzakala ipolisa kwisikhululo samapolisa eLingelethu West, ngethuba kungena amadoda ezenza ngathi ngabantu abayokuchaza isiganeko sokuphangwa.

Iingxelo zidiza ukuba omnye kubarhanelwa, uxhumele ngaphaya kwetafile ekuncedwa kuyo nalapho ipolisa ebelilapho likhuphe umpu ladubula, baphuma bonke babaleka emva kokuba bedubule ipolisa eliyisajini ebusweni.

Othethela amapolisa kweli phondo leNtshona Koloni, uColonel Andre Traut uthi, “Esi siganeko senzeke ngezithuba zentsimbi yesithathu ekuseni, kwaye ipolisa elidutyulweyo lonzakele kwilihlo lasekhohlo kodwa likwimeko ezinzileyo esibhedlele. Okwangoku akukabikho mntu ubanjiweyo sisaqhuba uphando.”

Kusenjalo, inqwanqwa lokuphuhliswa kweKhayelitsha, iKDF, lithi liyawancoma amapolisa esa sikhululo ngokuba kungakhange kubekho kuphangwa kuqhubekayo.

Usihlalo weli nqwanqwa uNdithini Tyhido uthi, “Siwaqhwabela izindla ngokuba ethe azilwela amapolisa, anqanda ukuba kungathathwa ezinye izixhobo ebeziza kusetyenziswa ukungcungcuthekisa abahlali ngokubanzi. Sikhuthaza icandelo lokhuseleko kwiKDF ukuba liqinisekise ukuqinisa ukhuseleko kule lokishi kwaye sizakubayalela ukuba bacele kuceba uAnda Ntsondo kufakelwe kwaye kulungiswe ikhamera kuzo zontathu izikhululo zamapolisa ezikhoyo apha eKhayelitsha.”

Amapolisa acela nabani na onolwazi olungakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa aze ngaphambili.