Ipolisakazi lithandana nonqevu

Ipolisakazi ebelikwiqela eliphanda imilo yoonqevu kumantla eBhayi livele enkundleni kule veki emva kokubanjwa ngoogxa balo ngezityholo zokufihla ulwazi malunga nesinqanda-mathe salo esingunqevu.

UConstable Alicia Beeming ngumcuphi kwicandelo lokulwa nemilo yoonqevu eBhayi (Gang Task Team) kwaye izityholo zithi uye wakhonkxa ulwazi obelufunwa ngamapolisa ekubambeni omnye woongqondo-ngqondo boonqevu eBhayi.

Lo nqevu ebefunwa ngamapolisa kulandela amatyala okuzama ukubulala.

Iingxelo zithi ngethuba leengxoxo, uBeeming ebeyazi ukuba uHans Jordan uyafunwa ngamapolisa, kodwa wakhetha ukutya tyum.

Umbuso umbeke ityala lokujongela phantsi ingalo yomthetho lo kaBeeming.

Ityala lakuphinda lixoxwe ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga yeThupha.

abongile.ginya@inl.co.za