Ipolitiki kaFacebook ngoMasipala waseAlfred Nzo

UKUHAMBISA ivangeli yeendaba ezilungileyo ngumsebenzi wam. Mhlawumbi manditsho ukuba andingomvangeli wasetyalikeni koko unondaba.

Ubukho bamaqonga afana nooFacebook buyasinceda kakhulu ekusasazeni iindaba ngokukhawuleza kangangoko sinako.

Iveki ephelileyo ibingengomahluko. Kungene imbalelwano esuka kumasipala wesithili iAlfred Nzo. Nditsalwe nje yintlokondaba yayo ethi lo masipala uza kuchitha ngaphaya kwamakhulu amahlanu ezigidi zeerandi (R500 million) kuphuhliso lweziseko kwicandelo lamanzi nogutyulo lwelindle. Yinto enkulu kakhulu le ingakumbi kumasipala orhangqwe ziilali ofana neAlfred Nzo, bekusitsho mna ndisidla amathamb’ engqondo ngesi sibhengezo sikamasipala.

Xa ndingena kwisivakalisi sokuqala ndiphawule ukuba kukho qela lezopolitiko elithile iDemocratic Alliance. Xa ndifundisisa ndifumanisa ukuba esi sibhengezo sale R500 million siza emva kwesibongozo (petition) seDA ngokusilela kwalo masipala, olawulwa yiANC, kwimibandela yophuhliso lweziseko ezifana namanzi nogutyulo lwelindle.

Le ndawo yeDA inditsale umdla kuba bendingayilindelanga. Hayi ngokuba bendingalindelanga ukuba iDA ingade ibangele ukuba umasipala enze isibhengezo esinje, koko bendingayilindelanga ukuba ingade ibhalwe kwimbalelwano. Izinto ezinje azibekwa elubala amaxesha amanzi.

Njengoko ndiqhele ukwenza, ndifake le mbalelwano yalo masipala, isitanza sayo sokuqala, kuFacebook phantsi kwesihloko, ebendisibhale ngesiNgesi, nesitolikeka ngolu hlobo “baphendule kwisibongozo seDA”.

Abahlobo bam kuFacebook bayitolike ngeendlela ezohlukeneyo le mbalelwano yaseAlfred Nzo, bambi begxeka ukufakwa kweDA kwimbalelwano logama abanye bebesithi akukho ngxaki kuba neDA inelungelo lokuqhuba iintshukumo zopolitiko ngeenjongo zokukhulula uluntu emakhamandeleni okusilela kophuhliso.

Abanye bebebhenca isakhono sokubhala nokuqhotyoshwa kwezinto kwicandelo lomasipala waseAlfred Nzo. Njengoko bekulindelekile, amalungu eANC asebenza njengamagosa ezonxibelelwano ebekhwela ezehlela ebuza ukufakwa kweDA kule mbalelwano.

Ibe yingxoxo enika umdla kakhulu, nendikhokelele ukuba ndiwujonge ngenye indlela lo mba kuba unento yokwenza nokukhula kwanokudodobala kwedemokhrasi yoMzantsi Afrika. Njengokuba ziqhuba nje iingxoxo malunga nokufakwa kweDA kule mbalelwano, ndiqaphele ukuba lo mba ubusele ufikelele kwizikhulu zomasipala waseAlfred Nzo nto leyo ethe yakhokelela ekubeni lo masipala uthumele enye imbalelwano ngosuku olulandelayo, apho ithe yakhutshwa iDA kwacelwa noxolo kumajelo eendaba ngokungaqondeki kwayo.

Emva kokuba ndiphinde ndabhala ngale mbalelwano kusuku olulandelayo, omnye kubahlobo bam undibuze ukuba bendiyifakela ntoni. Ndimphendule ngelithi, “nezesebe lakho nje kudala ndazixhoma kuFacebook. Andinakukwazi nokubala amatyeli endizixhome ngawo. Mandiyitsho eyokuba le mbalelwano ibingeyeyokuqala malunga neAlfred Nzo, futhi akuyiyo eyokugqibela”.

Ukuphendula umhlobo wam uthe: “[Lo mbandela ngeAlfred Nzo] ukhokelele kwingxoxo eyakhayo. Yiza nazo!”

Icandelo 152 (1) (e) loMgaqosiseko woMzantsi Afrika ukhuthaza intathonxaxheba yoluntu kwanemibutho yoluntu kwimiba kamasipala.

Ingxaki ejongene namagosa ezonxibelelwano kurhulumente (oomasipala sibaqukile) ngulo mba wokufuna ukukhonza iimvakalelo zabepolitiki endaweni yenyaniso. Anditsho ukuba le yingxaki yaseAlfred Nzo, sele ndithetha nje jikelele.

Uxanduva lwegosa lonxibelelwano kukuqinisekisa ukuba kukho unxibelelwano phakathi koluntu norhulumente, abantu bayazazi iinkonzo eziqhutywa ngumasipala.

Uxanduva asikokukhusela abezopolitiko kumasipala okanye ukusezela izimvo neemvakalelo zabezopolitiko.

Kodwa nokuba bekufakwe iDA okanye hayi kwimbalelwano, kodwa into entle kukuba abantu baseAlfred Nzo, equka iMatatiele, Mbizana, Mzimvubu neNtabankulu, baza kuxhamla kwezi projekthi ziliqela zamanzi kwanogutyulo lwelindle.