Iqale ngamagingxiginxgi ikomishoni ephanda uPhiyega

IQALE ngamagingxigingxi ikomishoni yophando echotshelwe nguJaji Neels Claassen nephanda ngekamva likaRiah Phiyega njengomkomishinala wamapolisa kweli.

Le komishoni isekwe ngumongameli weli, uJacob Zuma emva kweziphakamiso ezenziwe nguJaji Ian Farlam obechophele ikomishoni yaseMarikana.

Ikomishoni kaFarlam yayiphanda ngokukhokelele kwinyhikitya yokufa kwabantu abayi 44 kugwayimbo lomgodi iLonmin lango 2012.

Amashumi amathathu anesine abulawa ngamapolisa ngomhla we16 ka-Agasti ngo2012, nto leyo eyakhokelela umongameli Zuma ukuba atyumbe ikomishoni eyayichotshelwe nguFarlam.

Izolo kubekho impikiswano phakathi kwegqwetha likaPhiyega uAdvocate William Mokhari kwakunye negqwetha elikhokele ubungqina uIsmail Jamie.

UJamie uphakamise ukuba ikomishoni kaClaassen izokwamkela ubungqina obutsha ngaphandle kobo buvele kwikomishoni kaFarlam.

UMokhari uthe, oko kutshintsha isiseko sale komishoni, kwaye le komishoni ayikwazi ukwenza utshintsho kwindlela ebisekwe ngayo ngumongameli Zuma, nguye kuphela onokwenza iinguqu.

Emva kwengxoxo mpikiswano ethathe ixesha elide, uJaji Claassen ugwebe ngelithi, abo bakhokele ubungqina banelungelo lokubiza nabani na onganika ubungqina, le komishoni ayiphelelanga kuphela kubungqina bekomishoni kaFarlam. emva kwale ngxoxo mpikiswano kuvele ukuba le komishoni ayinakuqhubeka njengoko ingqina lokuqala lidinga itoliki ethetha isiTswana.

Le komishoni iyaqhubeka namhlanje.