Iqalile inyanga kaMandela eBhayi

Bangapha kwama-20 000 abantu abadala ebebezimase kwibala iDan Qeqe eBhayi kumsitho we-arhente yakwaSASSA ngethuba ibibhiyozela ukugqiba iminyaka elishumi yabakho.

USASSA yi-arhente yesebe lophuhliso loluntu, nenoxanduva lokunceda abantu abakhubazekileyo, abantwana, abantu abadala kwanabantwana abangenabo abazali.

Umphathiswa weli sebe kuzwelonke uBathabile Dlamini ebeyinxenye nalo msitho nalapho banikeze neengubo kubantu abadala ukusukela kwabo baneminyaka eyi-90 ukuya phezulu ezidlulisa nosodolophu wendawo uDanny Jordaan.

Isithethi somasipala uMthubanzi Mniki uthi oku kuyinxalenye yokubhiyozela nenyanga katata uMADIBA.