Iqaqambisa igama layo ngokwenza iimoto inkosikazi yakuQoboqobo

UNosisa oyiElectronics Technician kwaFord eBhayi Umfanekiso: Uthunyelwe

Wakhula esoloko efuna ukwazi ukuba yenziwe njani into ethile okanye xa inokuqhaqhwa inganjani na. Waphinda wakhula engomnye waba bantwana babeye baqhaqhe unomathotholo kuba befuna ukubona ukuba ngoobani aba bathethayo.

Lowo nguNosisa Nkwali welali yaseRhabhula kuQuboqobo nosebenza njengengcaphephe ekwakheni iimoto kwinkampani yakwaFord eBhayi.

UNkwali, 34, uthi emva kokuziqaphela ukuba ungumntu onengqwalasela ezintweni waye wabalasela nasezifundweni zeziBalo kwakunye nezeNzululwazi esekumabanga aphantsi eSivuyile Primay kuQoboqobo nakumabanga aphezulu eHector Peterson eQonce.

Uthi kuko okumbeke kule ndawo akuyo namhlanje. UNkwali uthi ukukhula kwakhe eberhangqwe ngamanina nangona nje ezalwa noobhuti.

“Ndikhuliswe ziinkokheli, umama wam kwakunye nomakhulu wam uMajali abadlale eyona ndima ingenakuze ilibaleke kum. Bandifundisile ukuba umntu azimele, bandifundisile ukungaxhomekeki mntwini, bandifundisile ukubayinkokheli ndingagqityelwa kwaye ndiyimele into endiyifunayo.”

Uphume kumabanga aphezulu wayokwenza izifundo zobuNjineli kwiYunivesithi yaseBhayi iNMU, apho aye waphumelela khona.

Uthi zange acetyiswe mntu ukuba alandele eli candelo ligcwalise amadoda odwa, koko esakhe isakhono wasibona ngokwakhe kuye. Uthi okumxhalabisayo kukuba nangoku isencinci ipesenti yamakhosikazi kweli candelo ngenxa yento uNkwali athi ukholelwa ukuba kukuzoyikisela.

“Ukuba singakhe sizixelele singamakhosikazi ukuba into xa ndiyifuna ndiza kuyifumana kodwa ngendlela elungileyo hayi enqamlayo, singathi siyifezekise iminqweno yethu. Ukungazoyikiseli nokungazisizeli singamakhosikazi akweli candelo kuko okusikhulisayo. Nokuba ukweliphi icandelo ungumntu ongumama phakama ungazoyikiseli kuba sinako kwaye namandla sinawo,” utshilo uNkwali. Ukwakhuthaze amanye amakhosikazi esithi awayi kwindawo anqwenela ukufikelela kuzo ngenxa yamanye amakhosikazi awagxekayo ngokuthi awatheze amandla.

Uthi zibe ecaleni ubuze kwabo sele bephumelele okanye kwabanolwazi, uziguzule kwabo bangakuboneli ntweni.

UNkwali, ungumama kubantwana bakhe ababini nathi naye ufuna ukuba ngumzekelo kwabakhe abantwana ekukhuleni kwabo. Uzalwa nabafana abathathu.

Uthi ixesha lakhe elininzi ulichitha emsebenzini wakhe nangona nje engena ngamaxesha athile kodwa akumphazamisi oko ukuba angadibani nosapho lwakhe.

UManejala wakhe uJohn Cameron, uthi uNkwali ungumzekelo omhle kumakhosikazi owokuba ungakuphumelela okunqwenelayo ukuba ungazimisela.

Uthi uNkwali uya kuthi abe yinkuthazo nakumanye amakhosikazi.