Iqela lomdaniso liyokumela iphondo

Lizakuyomela iphondo leMpuma Koloni iqela lomdaniso lohlobo lweBallroom nekuliqela laseBarthust elibizwa ngokuba yiBarthust Ballroom Dance Sport nelizakube lithatha inxaxheba kwiWestern Cape World Trials eNtshona Koloni.

Eli qela lasungulwa ngonyaka ka2014, lisungulwa nguNtomboxolo Ditana nongusihlalo weli qela. IBarthust Ballroom Dance ibikwidolophu yasePort Alfred nalapho ibidanisa khona, injongo ikukunyusa imali nanjengoko izakuthi ibancede bafikelele eNtshona Koloni.

UNtomboxolo Ditana uthe nangona kunzima kodwa akazimiselanga kuliyeka eli qela kuba ngethuba elisungula injongo yayingekokubafundisa iBallroom nje kuphela kodwa nokuqokelela ulutsha ndaweninye ukulusindisa kwizinto ezingalunganga oluye luzifake kuzo ngamanye amaxesha.

Uqhube wathi “Lisaya kude eli qela nto nje kufuneka ukunyamezela.”

Sele lizibona lisiya kwiTrials nje eli qela kungokuba liqale ngokwenza kakuhle kwiRegionals nezazibanjelwe kwindawo yaseMonti kwinyanga kaMeyi kuwo lo nyaka.

Kwaye linabantwana abangamashumi amabini anesibhozo (28) nalapho bathi bathathe abantu abaneminyaka esukela kwesibhozo ukuya phezulu.

USandise Diamond noneminyaka elishumi elinesithandathu ubudala nongomnye wabantwana beli qela uthe ukujoyina kwakhe eli qela kwamnceda kakhulu kuba uyabona ukuba uyasinda ezintweni ezingalunganga abathi oontanga bakhe bazibandakanye nazo.

Uqhube wathi”IBallroom indigcina ndixakekile futhi ndidlamkile, ngako oko andinalo ixesha lokwenza izinto ezingalunganga ezifana nolwaphulo-mthetho”.

U-Anesipho Khonza oneminyaka elishumi elinesine ubudala uthe, kweli qela bamnceda kakhulu kwaye akukho nto wayeyazi ngethuba efika apha kulo kodwa kuninzi asele ekufundile, ngelithuba alapha.