Iqhathwe ngezinyanya ititshala

INDODA yelizwe laseMalawi, uBashir Lauw Kasenjara, ufunyenwe enetyala lobuqhophololo yinkundla yamatyala ebalasele ngokuphanda ngobuqhophololo eBhayi, emva kokuba uKasenjara wagqumza ititshala ethile esithi mayibeke phantsi njengotitshala kuba imali yayo iya kuthi iphindaphindane.

Ingxelo ephuma kwiSithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eBhayi, uAnelisa Feni-Ngcakani, ithi uKasenjera waqhatha uMlungisi Booi (44) ngelithi ayeke ukuba ngutitshala kuba uza kubanemali eninzi kwaye iza kuphindwaphindwa nazizinyanya zikaBooi le mali.

Ibali liqhuba lithi ngo2017 kwinyanga kaJuni, uBooi wabona intengiso kwiphepha lasekuhlaleni, apho “uProfessor Anadkat” wayethembisa ngokuba wenza imimangaliso ngemali iphindaphindeke.

UBooi watsalela inombolo awayibona kule ntengiso, nawabona sele etyelelwa nguKasenjara endlini yakhe eseMotherwell eBhayi.

“UKasenjera wazazisa njengoProfessor Anadkat kuBooi. Wenza uBooi ukuba akholelwe ukuba unamandla amakhulu ekwenzeni imimangaliso njengoko wayemane esenza imilingo phambi koBooi, kuba efuna kukhule ukholo kwaye amthembe nangakumbi,” utshilo uFeni-Ngcakani. UKasenjera wacenga uBooi ayeke ukufundisa, ethembisa ukuba izinyanya ziza kuyiphindaphinda de ifike kuR30 million imali yakhe.

UBooi ngenene wayeka esikolweni ukuba ngutitshala nowafumana imali zakhe kwisebe, isixa esiyiR1.042 million ngo2018.

Emva kweeveki ezimbini efumene isikhuntyu sakhe semali uBooi, wamane eyalelwa nguKasenjera ekubeni amane ekhupha imali eyinika yena azokuyihlamba ngamayeza kwenzele izinyanya zizoyongeza.

UBooi akazange afumane nesenti emdaka. UKasenjera wabanjwa ngo2018 ebanjwa ngamapolisa aseMotherwell. Ngethuba ebanjwa wazama ukunyoba amapolisa ngeR100 000 ekubeni amkhuphe.

Ityala lakhe ladluliselwa kooKhetshe. UKasenjera uvelile kwiveki ephelileyo enkundleni wafunyanwa enetyala lobuqhophololo. Kusasa ngoLwesihlanu inkundla iza kumnika isigwebo.

UMtshutshisi ophezulu uLise Keech, uthe ingaphakathi kweminyaka eyi15 ukuya ku18 iminyaka aza kuyigwetywa ngomso yinkundla uKasenjera.