Iqhawukile ibhobhile phakathi kweUDM neDA

Umfanekiso oselugcinweni wenkokeli ye-UDM uBantu Holomisa ekunye nenkokeli yeDA uMmusi Maimane kwiziko leziphumo zonyulo lwe -IEC ePitoli. Umfanekiso: Chris Collingridge

Ubudlelwane obuphakathi kweDA neUDM, ngemiba yorhulumento, busesichengeni sokutshabalala emva kokuba le mibutho mibini ihlaselene esidlangalaleni malunga nombandela kaceba weUDM uMongameli Bobani.

 

Kutshanje uBobani ugxothwe kwisikhundla sakhe sobuSekela Sodolophu eNelson Mandela Bay emva kokuba iDA, kwakunye neminye imibutho ekwela bhunga, ivote ngelithi makakhwelele kwesi sikhundla okaBobani.

 

Ukugxothwa kukaBobani kulandela ukungavisisani kwakhe noSodolophu uAthol Trollip. Zizamile iinkokeli zikazwelonke zale mibutho ukulungisa le mbambano kodwa zatsho phantsi.

 

Endaweni yokungcibeka kweentanda kubudlelwane bale mibutho, kuvele kwanwenwa iyantlukwano.

 

UMongameli weUDM uBantu Holomisa uthi bagqibe kwelokuya kwiinkundla zomthetho ngenyewe yokugxothwa kukaBobani kuba bekholelwa ukuba eli nyathelo lithathwe kungaqwalaselwanga ezomthetho.

 

“Sinethemba lokuba iinkundla zomthetho zizakusithethelela, ukuze kubuyiselwe uBobani kwisikhundla sakhe. SiyiUDM sizikhaba ngawo omane ezi zityholo zokuba uBobani unobuqhophololo. Bubuxoki obuphindeneyo obo,” utshilo uHolomisa.

 

UHolomisa ukwakhankanye iinkokeli zeDA ezifana noTrollip, Mmusi Maimane noJames Selfe esithi ukuhlasela kwazo iUDM yinto angasokuze ayamkele.

 

Kodwa inkokeli yeDA eMpuma Koloni uNqaba Bhanga yena utyhole uHolomisa, esithi usilele ekolulekeni uBobani. “Sibhale iincwadi ezininzi sibhalela uHolomisa sifuna athabathe amanyathelo ngoBobani, kodwa zange ayenze lo nto [uHolomisa],” utshilo uBhanga.

 

UBhanga uthi ukususwa esikhundleni kukaBobani yinto esemdleni wabantu baseNelson Mandela Bay.