Iqhinga lokuqubisana nesigqibo sikaGeneral Motors

Urhulumente wephondo leMpuma Koloni uqweba amaqhinga okurhwebesha abaxhonkxi bezithuthi, ebatsalela ngaseBhayi kulandela isigqibo sikaGeneral Motors sokufulathela uMzantsi Afrika ekupheleni kwalo nyaka.

UGeneral Motors, okanye uGM nanjengoko esaziwa, ubhengeze esi sigqibo kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo eshiya abantu beli lizwe bothukile.

U-GM, onondlunkulu oseMelika, unemizi-mveliso exhonkxa izithuthi zohlobo lwe-Isuzu, Opel neChevrolet. Nangona nje * -Isuzu ebhengeze ukuba uzakuhlala azimele eMzantsi Afrika, ikamva labasebenzi bakwaChevrolet abaqikelelwa kwisiqingatha sewaka libonakala lingacacanga.

U-GM uthi uceba ukulithengisa kubenzi-zithuthi baseMzantsi Afrika icandelo lakhe leChevrolet, engaphelanga lo nyaka, logama uthethwano lusaqhuba ngekamva leOpel kweli lizwe. Kutshanje, uGM ubhengeze ukuthengisa iOpel kwinkampani ezinze eFrance ebizwa njengePSA Group.

Inkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle, uthi bafumene udano sesi sibhengezo.

“Sidanile futhi sikhwanqisekile sisigqibo esithathwe nguGeneral Motors. Ibeli qubuliso, khange sifumane kwangxelo okanye iingxaki ekhokelele koku.

“Kodwa sithi kumele senze konke okusemandleni ukuzama [ukujonga indima esinokuyidlala] kula meko. Ndiyarhana isigqibo sikaGeneral Motors sisenokuba sinento yokwenza nendawo [Melika] le basuka kuyo, kuba sivile uMongameli [Donald Trump] lo wabo mtsha ukuba ufuna iinkampani zaseMelika zisebenze kula ndawo kuphela, kodwa asikaqiniseki malunga noko,” kutsho uMasualle.

UMasualle uthi basekwinkqubo yokufumana esona sizekabani esikhokelele kwesi sigqibo.

“Ewe siyazi ukuba abasebenzi abaphaya banezakhono, sakuyidlala eyethu indima ukuqinisekisa ukuba ziyasebenza apho zifuneka khona, ukuba inene bakhona abantu abazakuphelelwa yimisebenzi ngenxa yesi sibhengezo,” kutsho uMasualle, ongakhange anabe ngokuphandle ngamanyathelo abaza kuwathabatha.

Umongameli weGM kwihlabathi jikelele uStefan Jacoby, uthi esi sigqibo siza emva kokuba bebone ukuba ukutyala imali eMzantsi Afrika akuzukuba naziphumo zincumisayo.