YIBA nomfanekiso-ngqondweni wabasebenzi bakarhulumente abadla umhlala-phantsi abane nabanemali ebalelwa kwi-R2.65 yezigidi (R2.65 million) xa idityanisiwe.
Uphinde ubenomfanekiso wamadoda aseUganda amane aqhathe ababasebenzi ze ababhunyula le mali kuba bebanga ngelithi bayakwazi ukuyenza iphinda-phindane.
Lo mkhambathi uvunjululwe libutho lamapolisa aphanda ngamatyala anobuzaza iiHawks.
Abona bantu bachaphazelekayo ziititshala ezisandula kuthatha umhlala-phantsi. Maxa wambi ezititshala ziyacelwa ngala madoda ukuba ziyeke emsebenzini.
Isehlo sakutshanje sibandakanya obesakuba ngutitshalakazi kuKomani. Le titshalakazi, eneminyaka engamashumi amane anesibhozo (48), ixelelwe nguJoshua Setimba Kyebakolo (34) waseUganda ukuba mayixhome kumsebenzi wayo.
UKyebakolo ebebanga ngelithi uzakuyenza iphinda-phindane imali yepenshini yale titshala kodwa endaweni yokwenza oko, le titshalakazi igqejwe imali efikelela ku-R1.1 million. Sithetha nje uKyebakolo useluvalelweni lwamapolisa. Ebekhe wavela enkundleni eMonti kule veki. Isicelo sakhe sebheyile sakumanyelwa ngomhla wamashumi amabini ananye kule nyanga.
Kwelinye icala, uNalwanga Haawa wakwaseUganda ugqebhe olungophiyo indoda eneminyaka engamashumi amathandathu ebisebenza eburhulumenteni kummandla wakuKomani.
Le ndoda yaxelelwa ukuba mayiyeke emsebenzini izokufumana imali yayo. Nayo yenza kanjalo, yafumana imali engange-R600 000. UHaawa waye wabanjwa ngamapolisa emva kokuqhatha lo msebenzi. Ityala lakhe lakuxoxwa kwakhona ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga.
Kutshanje uNitzar Mukasa (36) waseUganda ugwetywe iminyaka emithandathu yinkundla yaseMonti kulandela ukubhunyula ititshakalakazi imali engange-R550 000 eyiqhatha esithi imali yayo izakuphinda-phindana.
Ngenyanga yeKhala kulo nyaka, inkundla yaseMthatha igwebe uGladys Nomutebi iminyaka elishumi kulandela ukuqhatha ititshalakazi yaseMthatha esithi imali yayo yepenshini engange-R400 000 izakuphinda-phindana.
Intloko yeeHawks eMpuma Koloni uMajor-General Nyameko Nogwanya ulumkise bonke abasebenzi bakarhulumente kwanoluntu ngobubanzi ngalo mkhambathi.
“Sinqwenela ukulumkisa abantu okokuba imali asokuze iphinda-phindane. Umntu ofuna inzala ngemali yakhe, makayityale kumaziko emali athembekileyo,” utsho uNogwanya.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?