Iqukumbele utyelelo lwayo iNCOP eMpuma Koloni

Ibhunga lamaphondo (NCOP) elimele iMpuma Koloni kwiPalamente kazwelonke liliqukumbele utyelelo lalo eMpuma Koloni ngokuthi limamele ingxelo ebanzi ngophuhliso lwentlalo yabantu bomasipala wesithili saseChris Hani. 

Ingxelo ithi usodolophu waseChris Hani uKholiswa Vimbayo unabise ubunzulu beenzame zabo zokuphucula intlalo yabantu ngenkqubo ezinika ingqesho kwanezo zincedisa uluntu emakhaya.

 Othethe egameni leli gqiza uManelisi Ntsodo, uthi uVimbayo unike ingxelo eyanelisayo kumalungu eli bhunga eKomani.

 “Nangona amalungu aye abanemibuzo elumkisayo kwiindawo ezithile, uninzi lwengxelo yakhe inconywe kakhulu ngamalungu, ingxelo yakhe ibonisa ithemba lokuguquka kwentlalo yabantu eChris Hani,” utsho uNtsodo. 

Kwingingqi yaseChris Hani, eli bhunga lityelele iphulo lolimo nokufuya eShilow eWhittlesea kumasipala waseEnoch Mgijima, neziko lonkcenkcesho eNcora kumasipala waseNtsika Yethu.

 Olilungu leli bhunga uMandla Rhayi, ungqinile ukuba ngenene ingxelo kaVimbayo iza kubancedisa ukuze urhulumente akwazi ukuphucula impilo yabantu.

 “Indlela ecacileyo yokuxhotyiswa ngezimali kwenkqubo zophuhliso loluntu, ingcaciso ngeemfuno zabantu abakulo masipala wesithili saseChris Hani yenye yezinto eyenza umdla, ezakwenza ukuba kube lula ukuncediswa kwiinkqubo zophuhliso,” uthethe watsho uRhayi. 

Uninzi lwemisebenzi karhulumente ejoliswe ukuphucula intlalo yoluntu iphelela esithubeni ngenxa yokungabikho kolawulo nesikhokelo kwabo bachaphazelekayo, itsho ingxelo. 

“Sakukwazi nathi ukunika ingxelo ecacileyo kwibhunga lamaphondo xa sibuyela eKapa kwiveki ezayo, oku konke kungenxa yengxelo ecacileyo esiyinikwe ngusodolophu negqiza lakhe,” utshilo uRhayi.

 Equkumbela egameni leli bhunga,  okwalilungu lebhunga lamaphondo eKapa uVusi Magwebu uthethe wathi.

 “Okona sikufunayo xa sihambela oomasipala kukunikwa ingxelo ecacileyo ngemali evela kurhulumente naleyo ivela kwiinkampani zabucala, ngokukodwa indlela esebenze ngayo, nobungqina obu bonakalayo bokusebenza kwayo,” ugadlele watsho uRhayi. 

Amagqiza amathathu ahlukeneyo ahambele oomasipala kwizithili ezithathu eziquka iChris Hani, Sarah Baartman kunye neAlfred Nzo.