Iqule yaligangatha iDA eMandela Bay

Umbutho ophikisayo, iDA kweli phondo leMpuma Koloni, uthi uyaqhuba nephulo layo lokuphumelela umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay emva kolonyulo loorhulumente basemakhaya, kwinyanga yeThupha.

Oku kudizwe ngongumgqatswa kubusodolophu kula mmandla * -Athol Trollip, ngoLwesibini kule veki sikuyo nalapho athi bazakuqhuba namaphulo abo de kufike umhla wovoto umhla wesithathu kwinyanga yeThupha.

Ebethetha kwinkomfa yoonondaba kwilokishi yakwaZakhele eBhayi esithi, kufuneka basebenze nzima nangakumbi ngoku.

Uthi lixesha ngoku lokuba kulawule urhulumente omtsha nalapho kuzakuthi kudaleke amathuba engqesho kuliwe nobuqhophololo.