IQumrha iqatsele kwiziyobisi

Liqatsele izinga lokusetyenziswa kweziyobisi eQumrha ngenxa yoluntu lwale ndawo, apho kukho abantu abatsha abasebenzisa iziyobisi ngendlela engazange yabonwa. Ngenxa yokuxhalatyiswa yile meko, iQonga lesiPolisa lasekuHlaleni (CPF) ligqibe kwelokuba lingenelele ngokubambisene namapolisa aseMdantsane.

Kuye kwabanjwa iphulo lokuxhobisa uluntu malunga nezinga eliphezulu lolwaphulo mthetho kwanokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. Ngokwengxelo yesithethi samapolisa ala mmandla uNkosikho Mzuku, uthi iphulo eli belibanjelwe kwilali yakuDongweni eQumrha. UMzuku uthi bagqibe ekubeni babize uluntu ngosuku apho bekubhiyozelwa inyanga yamafa kwakunye namagugu, balubhiyozele ngomahluko ngokuthi baxhobise uluntu ingakumbi ulutsha.

Usihlalo weCPF eQumrha uMziyanda Noqayi, uthe babone kunyanzelekile ukuba amapolisa angenelele kwimeko yaseQumrha ngenxeni yeziganeko ezenzekayo.

“IDongweni yenye yeendawo ezinezinga eliphezulu ngolwaphulo mthetho, apho kubulawa nabantu, kodwa kulo unyaka akukabikho siganeko sixhomisa amehlo kungoko sibone ukuba masiyokuthintela, sikhusele okungekehli. Sifuna ukuhlala ngokukhululeka kwiindawo zethu, sihlukane nokugutyungelwa ziziyobisi. Oku bekukwayiyo nendlela yokubuyisela isidima nezazela kulutsha nakubazali kuba ingqeqesho iqala ekhaya,” utshilo uNoqayi.

UBrigadier Nomso Sigaga uzibeke elubala ezona zinto zingunobangela ezenza lube phezulu ulwaphulo mthetho eQumrha, esithi enye yazo ziindawo zentselo ezingavaliyo ezitsho kuse phandle, zibe ziqhuba ngokungekho semthethweni. “Abanikazi bezi ndawo abayijongi neminyaka xa bethengisela abathengi babo utywala, abanye bathengiselwa bengaphantsi kweminyaka evumelekileyo ukuba bathenge nabathi banxile bagqithise. Ukungaqashwa koonogada emnyango kwezi ndawo kunegalelo. Ezi ngxaki zizo ezibangela ukubulawa kwabantu,” utshilo uBrigadier Sigaga.