Inzalelwane yakwindawo iNdondo Square eCala uMalwande “Ras Tutsi” Gqobhoka oneminyaka engamashumi amathathu anesine ngumzobi owaziwayo eCala kwaye uthi unephupha lokuthengisa ngemizobo yakhe kwimpuma koloni iphela.
Ethetha nephepha ndaba I’solezwe lesiXhosa eNdondo Square uRas Tutsi uthe: “Zange ndababukhali esikolweni kwaye isikolo bendingasithandi kuba zazingekho izifundo endizithanda kakhulu zokuzoba yilo nto ndayeka phambi kwexesha.
Bendithi ngoku kufundiswa ndibe ndizoba, kulapho ke ndazibona khona ukuba ndinesakhono sokuzoba.”
URas Tutsi ubhala amagama eevenkile ngepeyinti aze azobe nakwizikolo zoonomngwushwana kuquka iindawo zoshishino eCala nalapho athi uziqashe khona kuba akasebenzeli mntu koko uziphilisa ngokwakhe.
“Akukho lula ukufumana umsebenzi xa ungafundanga njengam, kodwa ke ngethamsanqa andilali ndingatyanga kuba ndibizwa kwiindawo zonke ezingqonge iCala neziphaluka, ikakhulu ngoosomashishini bangaphandle abafuna ndibhale ndizobe ngaphandle kwiivenkile zabo ngelitsala abathengi. Elona phupha lam kukuya kula ndawo yaseRhini apho kuthiwa kuboniswa ngemisebenzi yezandla ukuze lindazi lonke iphondo nam ndikwazi ukuqesha ndifundise nabanye abantu ngesi sakhono sam kuba andilali ndingatyanga nangona ndingenayo nenjani imfundo,” utshilo uRas Tutsi.
Bahlanu abantu abesebenza phantsi koTutsi nanjengoko ebizwa njalo, kwaye baxhomekeke kuye ukuze babeke ukutya etafikeni.
“Ingxaki kulo msebenzi zizixhobo zokusebenza kuba ikakhulu sisebenzisa imibala bala yepeyinti, kuquka iibrush, iileli kunye neempahla zokusebenza kwaye zinexabiso eliphezulu zonke ezi zinto, kodwa ke ngenxa yamava angaphaya kweminyaka elishumi elinesihlanu ndizoba ndiyakwazi umelana nezi meko zonke,” uqwele watsho uRas Tutsi.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika